Amaziko omthetho aquka iiHawks aqhuba uphando malunga nezityholo zokuba kukho abathile abarhubuluzise ngokuthengisa iziphumo zikaGrade 12.
Oku kwenzeka logama bekulindeleke ukuba uMphathiswa weSebe lemfundo esisiseko uSiviwe Gwarube akhuphe ingxelo eqinisekisa ezi ziphumo. Ngabafundi abangaphezu kwekhulu lamawaka abebechophele iimviwo zokuphela konyaka zikaGrade 12 kunyaka ophelileyo.
‘’Kukho ulwazi lokuba ikhona into eyenzekileyo yokukhutshwa kweziphumo zikaGrade 12 ngokuthengiswa, oko kwenzeke kanye ngeli xesha sele kusele ixesha elincinci phambi kokuba zikhutshwe iziphumo,” kucacisa uGwarube.
Ngaphambi kokuba uGwarube athethe ngezi ziphumo ngokusemthethweni, kulindeleke ukuba iqumrhu eliqinisekisa ezi ziphumo iMalusi enze intetho echaza ezi ziphumo ngokusemthethweni. Iziphumo zophando lweeHawks zizo eziza kubangela ukuba zikhutshwe zize zichazwe njengezisemthethweni ezi ziphumo zikaGrade 12.
UBiki Lepota osisithethi sikaMalusi uthi bona bawenzile umsebenzi wabo ukusukela kwinyanga ephelileyo. ”Kwinyanga yonke kaDisemba kusetyenzwe nzima ngamagosa achaphazelekayo ngelizama ukuqinisekisa iziphumo eziqinisekisiweyo, ngoko ke sikulungele thina ukuchaza iziphumo njengezisemthethweni,” kutsho uLepota.
Inkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, kulindeleke ukuba athethe nabafundi abaphumelele emagqabini kwiphondo lakhe eICC ngomhla weshumi elinesine kule nyanga.
Oku kwenziwa minyaka le nguRhulumente weMpuma Koloni ngeenjongo zokuqaphela abo bathe bazibalula. IMpuma Koloni ibifumene amashumi asibhozo ananye eepesenti ekhulwini kunyaka ophelileyo, kodwa kuthiwa kulo nyaka baqinisekile ngamashumi asibhozo anesihlanu eepesenti ekhulwini.
Iphondo laseFreyistata lona lithi alithandabuzi ukuba lihleli kwindawo yokuqala kuzwelonke njengesiqhelo ngokuphumelela kwabafundi bakaGrade 12.
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni