Kuza kuqaliswa kwakho uphando ngokubhubha kukaNkosi uAlbert Luthuli emva kokuba wabhubha ngendlela engaqondakalanga. Olu phando kuthiwa liza kuqhubeka ukusukela kunyaka ozayo u2025 ngeenjongo zokufumana unobangela wokubhubha kukabawo uLuthuli.
ULuthuli wayeyinkokheli yombutho weANC owawuvalwe umlomo ngexesha lokubhubha kwakhe ebethwa nguloliwe, ngokwengxelo eyakhutshwa ngamapolisa. ULuthuli wabhubha ngonyaka ka1967 ngokubethwa nguloliwe nanjengoko umzi wakhe wawumi ecaleni komzila kaloliwe.
Igqwetha lekhaya lakwaLuthuli nokwangumzukulwana kaNkosi Luthuli, uLungile Ngakane, uchaza izizathu zokuqalwa kwakho kolu phando.
“IKomishini yenyani noxolelwano ayizange ifike ezingcanjini zenyani malunga neyona nto yenzekayo kuNkosi Luthuli, ngoku usapho lufuna ukuba ivele inyaniso,” kutsho uNgakane.
Uthi kubantwana abasixhenxe ababezelwe ngubawo uAlbert Luthuli, babini kuphela abasaphilayo, kwaye bafuna ukwazi ngokwenzeka kuyise.
“Oku kusemva kokuba kwenziwe uphando olunzulu ngokwenzeka kuNkosi uLuthuli, konke oku akuzange kuzale nto icacileyo,” utsho uNgakane.
Enye yeentombi zikabawo uLuthuli esaphilayo, uAlbertina Luthuli, kulindeleke ukuba inike ubungqina malunga nolwazi lwayo ngokubhubha kukabawo uLuthuli.
UNkosi Luthuli uzelwe ngonyaka ka1898 ngenyanga yeKhala, waza walishiya eli ngonyaka ka1967 emva kokuba ekhokele umbutho weANC njengoMongameli.
Ngonyaka ka1927 uzimanye ngeqhina lomtshato noNokukhanya Bhengu. Ngo1936 wanikwa ingubo yobukhosi ekhokela isizwe sakwaLuthuli njengeNkosi engena endaweni kayise emva kokucengwa engavumi isithuba seminyaka emibini.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!