Uphantse ukufa ngexesha ebekhuthuzwa ngolunya zizihange obhinqileyo noxelenga kwisikolo samabanga aphantsi eDyoki, i E.T. Thabane Primary.
Esi sehlo senzeka ngethuba le nkosikazi ibisiya ngasemsebenzini kule veki iphelayo, wahlangana nabafana abathathu abasuke bonda ngaye befuna imali.
Uthe akubhebhetha basuka barhola izitshetshe bamhlaba kanobom, kwaye kwabonakala nje mhlophe ukuba bangambulala.
“Ndibone kwakamsinya ukuba bazimisele ukundilimaza, emva kokuba ndithe andinamali. Bohluthe isikhwama ebendisiphethe baza bandihlaba amanxeba amabini ngakweli cala linentliziyo zisuka nje. Ndisinde ngezikasibi ekufeni, kwaye ndibulela uThixo,” utshilo uFuneka Dlakavu.
Uthi kuthe kanti akwanelanga apho, kuba baphinde bamhlaba amanye amanxeba amabini esihlahleni sasekhohlo baze bamshiya apho equngquluzile endleleni.
Baye abafana aba, bacela kwabanetsente bebaleka nemali engamakhulu amahlanu [R500] yakhe, ukuya kutshona kwimizi ekufutshane apho.
UDlakavu uye wazama ukuphakama wangena kumzi awaziyo okufutshane, nalapho athe wadibana nesihlobo esiphangela naye nesingu- mfundisi-ntsapho kwisikolo aphangela kuso. Ngeli thuba wayelijaja ligazi kucaca ukuba amandla ayamphelela.
Unkosikazi Nobomvu Mpako uye wamthatha ngenqwelo-mafutha yakhe wambalekisela kugqirha okufutshane nothe kufuneka adityaniswe nesibhedlele ngokukhawuleza.
Uye wabalekiselwa kwisibhedlele saseMaclear ukuze afumane uncedo olukhawulezileyo. Ngokwengxelo kagqirha bekukufutshane ukuba afe kuba amanxeba anobuzaza ngala ebelapha esifubeni.
Uye wafumana ukuthungwa, waze wathunyelwa kwisibhedlele saseMthatha ukuze afumane unyango olukhethekileyo.
“Ndithe ndakubuya eMthatha ndathatha isigqibo sokuya emapoliseni apho bendifuna ukuvula ityala lokwenzakaliswa ngokumasikizi nokukhuthuzwa. Ndixelelwe ukuba andinakho ukuvula ityala ngaphandle kokuba ndize nengxelo ebhalwe phantsi kagqirha kuqala. Ugqirha uzakube kanye evekini ukuza kunceda abantu kwiingxelo ezifunwa ngamapolisa” utsho uDlakavu.
Akukabanjwa mntu ngesi sehlo.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup