Uphehlelelo

lwengxowa-mali

yokufunda yamandla

ombane ohlaziyekayo

Amandla ahlaziyekayo kunye namasebe ezobunjineli azuze uchatha ngophehlelelo lwakutshanje lwenkqubo yemali yokufunda, iRenewable Energy Scholarship Fund (RESF), elubone ngaphaya kwezigidi ezibini zeerandi zityalwa ukuba ziphuhlise abafundi bezobunjineli abasebatsha kweli shishini lamandla lihlumayo.

Le nkqubo ixhaswa ziinkampani ezintathu ezizimeleyo zophehlo-mbane kusetyenziswa umoya. Ezinkampani ziquka iJeffreys Bay Wind Farm, iDroogfontein Solar Power kunye De Aar Solar Power, ezisungule le mali yokufunda ukuze incede ehlangabezeni imfuneko yeenjineli ezinezithwaselo zemfundo kweli shishini.

“ Lithemba lethu lokuba kule nkqubo asisayi kuba nako ukudala umthombo wezakhono kumbutho nje kuphela, koko siyakuxhasa ze sibe negalelo kolu shishino nakweli lizwe ngokubanzi,” kucacise uMark Pickering, uMphathi Jikelele weJeffreys Bay Wind Farm.

Isihlanu saba bafundi kungokunje sifundela i-mechatronics (intlanganisela yezifundo zobunjineli eziquka ubunjineli boomatshini, ubunjineli bombane, ubunjineli bobuxhakaxhaka bonxibelelwano, ubunjineli bolawulo kunye nobunjineli beekhompyutha) kwiYunivisithi yaseNelson Mandela Metropolitan, enye yeeyunivesithi ezintlanu ezinikeza ngolu qeqesho.

UHusain Haspatel waseBhayi eMpuma Koloni, ngomnye wabafundi abangamashumi amabini anesihlanu (25) abazuze kule mali yokufunda kweli phondo abachongwe kwikhulu elinamashumi amahlanu abafaki-zicelo. Uthe: “Noxa ndichulumancile nje ngokuba ngumamkeli wale mali yokufunda yodumo, ndikwathobekile ndinombulelo ngeli thuba lihle kangaka.”

Le nkqubo yemali yokufunda inika ithuba abo banomnqweno wokuba ziinjineli kweli ukuba bafumane izithwaselo zemfundo.