Busisiwe Zondi
IBANDLA, iBantu Methodist Church of Southern Africa, ibe nenkonzo enkulu yenkomfa, nalapho bebenxibisa, babeka abefundisi babo kwiindawo ezifanelekileyo.
Umfundisi Mthuthuzeli Xozwa ngomnye wabefundisi abathe banxityiswa kweli bandla waza wafungiswa ngokusesikweni, emva koko wabekwa eMacosa.
Uphelelwe ngamazwi umfundisi Xozwa ngethuba umphathi webandla, uBhishophu owongameleyo uMM Dladla, emwonga ngembeko emnika isatifiketi, esithi ibandla liyambulela ngokuthatha inxaxheba kugqatso lweComrades Marathon ka2022.
“Bazalwana ndithanda ukubulela umfundisi uXozwa ngokumela ibandla lethu iBMC. Ndingumlandeli kwaye ndiyayazi iMarathon ngumdlalo onzima kakhulu. Kodwa siyavuya kakhulu ngokusibeka emephini. Ayinguwe wedwa owenze into entle kweli bandla, nibaninzi kwaye ndiyanibona. Qhubekani nisenza umsebenzi kaThixo,” utshilo uBhishophu Dladla.
Umfundisi uXozwa waziwa ngelika “Mazibethunana”, yindlela athetha ngayo nabantu. Ngaphandle kokuba ngumfundisi, ukwaligqwetha, ngaphezu koko usebenza ngamayeza esintu, abantu bathi nguGobela (umcebisi ngokomoya).
Uqhube wathi uBhishophu Dladla, le nkomfa ibingaqhelekanga kuba noxa bebesenkonzweni kuye kwafika iingxelo zokusweleka kweentsapho zamalungu ebekule nkomfa, kunyanzeleke ukuba zimke zibuyele kumakhaya azo.
Le nkomfa ibibanjelwe eTinarha eGqeberha, kwaye ithathe iintsuku ezisixhenxe. Yaqala ngenkomfa yamagqiyazana nabashumayeli, yaqhuba de yavalwa.
Ibiyinkomfa yama88 ebibanjelwe kule nkonzo. Umsebenzi wonke, kuquka zonke iingxelo ngokweendidi zazo, ukusekwa nokuhlaliswa kwabefundisi, nokukhethwa kweekomiti, uqhutywe nguBhishophu Dladla ngokubambisana noNobhala weNkomfa uBhishophu. T.W Ngwenya kunye neqela lonke.
Umba womanyano namagqiyazana kunye nokunxityiswa kwamakhosikazi abefundisi, wenziwe waba yimpumelelo nguMongameli, uMama uNP Ndlebe neqela lakhe.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!