UPHENDLO LWECWECWE: Samkelo Ngqamza – Ukhona uThixo!

Emva kokucula nokudumisa uThixo ngengoma kwiqela iNgceke Gospel Project, uSamkelo Ngqamza waye wawuthanda nangakumbi umculo woKholo.

UNgqamza, onkaba ikwilali yaseWillo kwidolophu yaseMqanduli, ubalisele I’solezwe ukuba icwecwe lakhe lineengoma ezilishumi ezinyang’ umphefumlo oxhwalekileyo.

“Ezo ngoma zikushiy’ unethemba kwaye womelele.”

“Othenge eli cwecwe uzakufumana nentshumayelo kuba ndibaxelela okuthethwa yiNkosi ngengoma,” kubalisa uNgqamza.

UNgqamza usebenze noNoandule Kula kwakunye noLuyanda Ruca kweli cwecwe.

Lineengoma ezifana no-Ukhona uThixo, Mandingaze Ndimdanise kwakunye nezinye.

UNgqamza ubongoze abantu abatsha ukuba basondele nemithwalo yabo kuThixo.

Icwecwe lifumaneka kuye ngokutsalela kwa- 084 913 7080.