Uphendlo lwencwadi: UThixo yintsika yomtshato

UThixo yintsika yomtshato, olu luluvo lukaMfundisi Lusindiso Malimba kwincwadi ayibhalileyo ethi “21 Realities about marriage”. UMalimba uthi umtshato ngumcelimngeni kuba ayisosivumelwano nje sexeshana ongaphuma naninina kuso, sisibhambathiso sanaphakade.

Ukuze ube yimpumelelo umtshato kufanele ukuba nisebenzisane, kungabikho ogcina iimfihlo komnye kuba lo nto uyifihlayo kowakwakho iya kulichitha uxolo phakathi kwenu.

Ubalula ukwabelana ngesondo njengento enisondezayo nekungafanele ukuba niyityeshele ngaphandle kwexesha apho nigxile kumthandazo.

Lo mfundisi uthi imitshato emininzi ichithwa kukunganikani isondo, de omnye ayokulikhangela ngaphandle. Ukwabalule ukubaluleka kwamazwi enkuthazo kwiqabane lakho njengento eyakhayo.

UMalimba uthi ubhale le ncwadi kuba isiqingatha semitshato iphele iqhawuka, ngoko ke kubalulekile ukunika iingcebiso ezingalulutho ekusindiseni imitshato emininzi ingade ifikelele kwelo nqanaba.

Ubabaza uThixo njengentsika yomtshato, atsho ecaphula umnombo womtshato ngokwencwadi yebhayibhile, ukususela kumyezo wase-Edeni emva kokuba uThixo edale uAdam waphinda wabona ukuba ufanelwe ngumlingane.

Kungoko esithi masimmeme uThixo ukuba abe yinxalenye yemitshato yethu, silandele iindlela zakhe ukuze sigcine imitshato yenu ihlaziyekile.

Ezo ndlela ziquka ukuba nibe ngabantu abamhloniphileyo uThixo, ukuthandaza kunye nowakwakho, ukwakha uxolo xa kuthe kwavela iingxabano nokubambisana.

Le ncwadi iya kukuvula amehlo ukuze ubone ukuba umtshato asilulo olwa suku luqhakazileyo, lwemivuyo nalapho isibini esizimanya ngeqhina lomtshato siye sivume phambi koMfundisi nenginginya yezihlobo ezizokubhiyoza nabo.

Umtshato sisibhambathiso sanaphakade nesifuna abantu abazimiseleyo ukufumana isisombululo kunye xa bathe banemicelimngeni.

Lo nyawontle ukhuthaza abo batshatileyo okanye bazimisele ukuzimanya ngeqhina lomtshato ukuba bangalungiseleli nje olwa suku lokuzimanya koko bayazi ukuba bazibophelela kwisivumelwano sanaphakade.

UMalimba uyibona njengempazamo enkulu ukuzimanya ngeqhina lomtshato nomntu ongakholwayo okanye engenamoya wobuKrestu okwinqanaba elifanayo nelakho kuba kufanele nibambisane ekukhangeleni isisombululo.

Noxa kunjalo uMalimba uthi le ncwadi inganceda nabani na, nokuba uphantsi kweyiphi inkolo kuba iimfundiso noxa zisekelezwe kwintsika enguThixo zininzi iindlela zokunqula.

Zifumanele le ncwadi ngokuthi utsalele uMfundisi Lusindiso Malimba umnxeba kule nombolo 082 076 3141.