Uphi ke uThembekile Koswana?

Zola Mazinyo

UZola Mazinyo waseMdantsane usentlungwini yokukhangela umntakwabo onguThembekile Koswana angazange ambone oko wazalwa.

Uthi uThembekile wazalwa ngeminyaka ephakathi kuka1970-1975 waza wathunyelwa kwikhaya leenkedama iKhayalethemba eMdantsane.

“Ingxaki endikuyo yeyokuba akukho ntsebenziswano phakathi kwam nomama ondizalayo, akawazi unyaka awazalwa ngawo lo mfo, ngoku andikwazi kuhambela phambili nophando lwam, ndibuhlungu kakhulu ngenxa yale nto,” elila utshilo.

Uphando lwethu lufumanise ukuba iKhayalethemba likhaya elavalwa kudala, akukho bani uvumayo ukuthatha uxanduva ngeli ziko.

“Kwiinzame zam ndisokoliswa kukuba umama akavumi okanye akawazi umnyaka awazalwa ngawo umkhuluwa, andiyazi nokuba uyawufihla okanye akawazi ngenene,” utshilo uMazinyo.

Okungaqhelekanga ngokuduka kwale ndoda kukuba kusapho lwayo akukho bani uwukhumbulayo unyaka wokuzalwa kwakhe.

Uninakazi onguNoluntu Sinuka uthi naye akazi nto, uyavuma ukuba ingxaki ininzi phakathi kwekhaya ngenxa yokuduka kukaThembekile.

“UZola lo uzelwe ngo1977, uThembekile noZola banokuba bashiyana ngeminyaka emibini ukuya kwemine ukuzalwa kwabo, uyakuqikelela ke, ewe akazange alandelelwe yena umntwana, yinene leyo,” utshilo uSinuka.

Ukanti umama ozala la madoda uNomabhaso Koswana uthi akanangxaki yokuncedisana nabantwana bakhe ukukhangela uThembekile.

“Emva kokuba ndikhulelwe lo mntwana ndagxothwa ekhaya ngutata, ndaya kwadadobawo, waza wandicebisa ukuba umntwana ndimthumele kulotata wakhe, utata wakhe nguVoki Makhaphela, ndandimncinci, andiwazi ngenene unyaka wokuzalwa kwakhe, nam ndisentlungwini ngale nto,” utshilo.

UZimkhitha Sithela ngudade boZola noThembekile.

“Mna ndambuza ngale ngxaki umama emva kokuba ndiyive apha ekuhlaleni wasuka walila, lo nto yandixelela ukuba ikhona naye ingxaki awadibana nayo emalunga nalo mntwana wakhe,” utshilo uSithela.

Zikho iingxelo zokuba uThembekile wafunyanwa ngunina kwindoda eyayitshatile naye etshate nenye indoda.

Amapolisa oMzantsi Afrika athembise ngokwenza iinzame zokuncedisa eli khaya kule ntlungu. Ukanti isebe leNtlalontle eMpuma Koloni ngomlomo kaGcobani Maswana lithe.

“Ingxaki yile yokuba akukho nkcukacha zokuzalwa kwakhe zikhoyo, okwesibini eli khaya asilazi nokuba laliphantsi kwesebe eli kuthwa liKhayalethemba.

Ingxelo yecandelo elijongene nokulahleka kwabantwana kumapolisa oMzantsi Afrika ngo2013 yadiza ukuba rhoqo ngeeyure ezintlanu kukho umntwana olahlekayo kweli.

UZola Mazinyo uthi wazenzela uphando lwemfuzo wafumanisa ukuba naye akazalwa kwikhaya akhule esazi ukuba uzalwa kulo, koko uzalwa kwikhaya elinye nomntakwabo owadukayo ozalwa kwaMakhaphela.