Uphihliphihli wesikolo!

Elinye lamagumbi okufundela eMndundu J.S.S elawiswa ngumoya IMIFANEKISO: BHEKI RADEBE

Amagumbi anguphihliphihli, iifestile ezihuhuza umoya, ukubolekisana ngethobhi xa bezithuma kwindlu yangasese, imigangatho eqhuma uthuli, inkwankca yengqele xa kubanda kwanengqatsini enganyamezelekiyo xa kutshisa.

Le yimeko umntu angasichaza ngayo isikolo sakwilali yaseMndundu kuGatyana, iMndundu Junior Secondary.

Amagumbi esi sikolo, isengalawo ayebekwe okwethutyana ngurhulumente kaKaiser Daliwonga Matanzima ngo1985. Kunanamhla oku, esi sikolo asizange sixhamle kumaqithiqithi orhulumente wedemokhrasi.

I’solezwe lesiXhosa lityelele esi sikolo kwiveki ephelileyo, apho libone umbono ombi wesikolo ekubonakala ukuba silityelwe ngabo basemagunyeni.

Umbuzo ngowokuba libunjwa njani ikamva lomntwana kwisikolo esikwimeko embi olu hlobo?

Amagumbi angasese anqongophele, nto leyo enyanzela abafundi abangama-ntombazana ukuba babolekisane ngethobhi, beliphakamisa ukusuka kulo umngxunya wendlu yangasese, ukuya komnye.

Ilungu lebhodi lesi sikolo nowayesakuba ngutitshala kwesi sikolo, uLulama Malgasi, uthi kudala bayihambela into yokwakhelwa isikolo.

“Sizamile kangangoko sinako, sihlale phantsi sibize abazali sonyule nekomiti emayimele isikolo. Ndikhumbula ukuba le komiti sade sadibana siyilali sayibethela imali ekubeni iye eBhisho kwiSebe lezeMfundo. Kodwa saye saqala kubahloli bethu eDutywa kwangale meko, abahloli basixelela ukuba bona abakhi zikolo. Kudala sisihambela esi sikolo, sithenjiswa futhi komaBhisho, sixelelwe ukuba siseluhlwini lokwakhelwa,” utshilo uMalgasi.

UThokozile Mgoqi ongutitshala kwesi sikolo uthi, bayixolela eyokuba abantwana bangayinxibi iyunifomu ngokuba bathi mabombathe amaxakatho banxibe neebhlukhwe ezimibalabala kuba kuyabanda.

Uthi kuba bayafana nabafundela phandle abantwana.

“Noko ayinyamezeleki le into kwaye nabantwana ayibakhuthazi sele befunda kuba kunyanzelekile kuba akukho nanye into ebakhuthazayo ngaphakathi esikolweni. Thina zititshala kunzima kakhulu, sele sisizela nje abantwana. Oko kwathiwa umcimbi wethu ujongiwe sithenjiswa umhla nezolo.”

Umfundi wesikolo uAkho Mambule (16) owenza uGrade 8 uthi, bathi nokuba sele bencokola nabanye abantwana abafunda kwezinye izikolo bebalisa ngobuhle bezikolo zabo ave enqwena naye ukuba nesabo isikolo singanjalo, okanye ayokufunda kweso sihle isikolo.

UMambule uthi ucela isebe lezemfundo libakhele nabo isikolo esihle okanye bafakelwe iiglasi zeefestile kuba bayagodola.

UNokuthula Ngwenya ngutitshalakazi naye eMndundu, uthi imeko yesi sikolo ithobela phantsi isidima somntu.

“Kufanele ukuba kuqalwe phantsi yonke into kwesi isikolo. Sihlohla iiklasi ezimbini kwigumbi elinye ngenxeni yokunqongophala kwamagumbi kwaye siyaphazamiseka.

UGrade 7 noGrade 8 bakwigumbi elinye. UGrade 5 noGrade 6 nabo bahlulwe phakathi ngeedesika kwigumbi elinye, iphazamisa kakhulu lo nto xa sifundisa.”

Iititshala zithi zibanentloni naxa sele kukho ezinye izikolo zizokudlala esikolweni ngenxa yobubi besikolo sabo. Isithethi sezeMfundo ePhondweni uMali Mtima uthe isebe livile ngesi sikolo, kwaye banezicwangciso ngaso: “Okwangoku sigqibe kwelokuba masibuyele kwizikolo zakudala ngenxa yomlibaziseko kwizikolo zethu ezithe zafumana iintlekele.”