Uphinde wagwetywa obengaphandle ngengqawule

ULulamile Jarha (35) owayegwetywe iminyaka elishumi ngenxa yokubulala, uthiwe nkaa iminyaka engamashumi amabini anesihlanu kulandela ityala lokubulala lesibini.

UJarha ugwetywe emva kokufunyanwa enetyala lokuhlaba abulale uLuyanda Madolo kummandla waseMount Frere kweyoMnga kunyaka ophelileyo.

Iingxelo zithi, esi siganeko senzeka ngakwisikhululo samapolisa aseMount Frere ngethuba uJarha enengxabano kwakunye nancuma naye.

Intombi leyo yazimela ngoMadolo, isoyika ukubethwa nguJarha. Kulapho uJarha wajika wahlaba uMadolo ngemela wabhubha ngoko.

Abahlali abazibonelayo bagxoga umrhanelwa, wabaleka uyokungena kwisikhululo samapolisa nekulapho waye wabanjwa.

Isithethi segunya bantu lezotshitshiso kula mmandla uLuxolo Tyali uthi, uJarha ebesengaphandle ngengqawule kulandela ityala lokubulala awalenza ngo2006.