Wonyuliwe kwakhona njengenkokheli ye-UDM uBantu Holomisa kwinkomfa yolonyulo nebibanjelwe eBloemfontein. Lo kaHolomisa ubethe ogxa bakhe abebebonakalise umdla wokongamela lo mbutho abaquka uMhlangabezi Ngebula nokwaligqala le UDM.
Lo kaHolomisa ngumongameli wokuqala walo mbutho ukusukela oko wasekwayo kwiminyaka elishumi elinesibhozo egqithileyo. Umbutho ububambe inkomfa yawo yolonyulo yesihlanu ukusukela oko wasekwayo.
UNgebulana uthi kumele ukuba lo mbutho ubonakalise iimpawu zokuba ungumbutho olawula ngentando yesininzi, yiyo lo nto idale ukuba abonakalise umdla wokongamela i-UDM. UHolomisa wonyulwe nngaphandle kwengxaki esekelwa nguLitchfield Tshabalala, waza uZolile Lavisa wonyulwa njengosihlalo walo mbutho, lo gama uBongani Msomi onyulwe njengonobhala jikelele. Esi sikhokelo sitsha sithwaliswe uxanduva lokuthatha lo mbutho siwubeke phezulu,
ukutshintsha indlela uluntu elibona ngayo lo mbutho kwanendlela obonakala ngayo phambi kwabantu. Amalungiselelo olunyulo lonyaka ozayo aphambili kuluhlu lokuguqula izinga onyathela ngalo. Ethetha namalungu e-UDM uBantu Holomisa uthi, umbono wabo kukuqinisekisa ukuba abantu bayakhululwa kwiingxaki abadibana nazo.”Kumele ukuba nikhethe ukuba nifuna ukuhlala kule meko sihleli kuyo silizwe, okanye siyitshintshe ngokuqhubeka sivotela i-UDM ukuze iguqule intlalo yoluntu ngokubanzi,’uthethe watsho uHolomisa. Le komiti izakuqalisa ukulungiselela inkomfa yomgaqo-nkqubo yalo mbutho nekulindeleke ukuba iqhubeke kwiinyanga ezilishumi elinesibhozo ezizayo.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo