Uphuhliso kwimfundo yabantwana baseJeffreys Bay

Abanye bootitshala bakaGrade R abaxhamle kuqeqesho lokuphuhlisa imfundo yabantwana

ABANTWANA abafunda uGrade R kwizikolo ezikummandla waseJeffreys Bay neendawo ezingqongileyo bafumana isiseko semfundo esemgangathweni emva koqeqesho lootitshala babo kwinkqubo yophuhliso lolwimi nokufunda ukubhala.

Ngootitshala abakumashumi amabini anesine abathe bafumana uqeqesho lwale nkqubo, kusenziwa oko ngenkxaso nangoncedo lwefama yophehlombane ngomoya yaseJeffreys Bay (Jeffreys Bay Wind Farm).

“Ukusebenza nale nkqubo kundinike ulwazi olutsha xa sithetha ngomba wokubaliswa kwamabali. Iingoma kwakunye namabali yinto efika msinya kwingqondo yomntwana kuba bamamela ngomdla wokuba kukho into emnandi ezayo.

“Le nkqubo ikwenze kwalula kum ukuba ndiqubisane nemida ebendinayo kwiilwimi nanjengoko ngoku ndikwazile ukufunda amagama amatsha kwisiBhulu, isiXhosa nesiNgesi,” utshilo utitshala kaGrade R eSea Vista Primary uAmorita May.

Umlawuli kuphuhliso lwezoqoqosho kule fama yophehlombane ngomoya yaseJeffreys Bay uHlengiwe Hadebe uthe: “Iziseko zolwimi nokubhala yintsika kwimfundo, kuba nobungqina buyabonakalisa ukuba xa abantwana bephuhlile kulwimi nasekubhaleni xa beqala uGrade 1, baye babengcono kwicandelo lokubhala nokufunda.”

Le nkqubo ibinxaxhile nanjengoko abaqeqeshi bakwaSTELLAR (Strengthening Teaching of Early Literacy and Language in Grade R) bethabathe iinyanga ezintandathu bebesenzisana nootitshala bakaGrade R, ngeemfefe zabakwaWordworks.

Izikolo ezithe zaxhamla koku ziquka iChigwell Primary, Gamtoosvalley Primary, Graslaagte Primary, Kruisfontein Primary, Masisebenze Primary, Mzingisi Primary, Patensie Primary, Quagga Primary, St Patricks EC Primary, Vukani Primary, Weston Primary neSea Vista Primary.