Uphuhliso lweelokishi namaphandle ngundoqo wonyulo loomasipala

LIFIKE ladlula idabi lokugcwalisa amabala ezemidlalo nokuphosa izithembiso kuluntu kwimihlangano yamaqela ezopolitiko, iANC, iDA neEFF nangawona makhulu kweli.

La maqela ajongene nomnqantsa wokukhuthaza abemi beli ukuba babavotele kunyulo loorhulumente boomasipala elizakubanjwa ngomhla wesithathu ka-Agasti walo nyaka.

IDA neEFF zizingela oomasipala abambaxa abaphantsi kweANC, iNelson Mandela Bay, iGoli, neTshawane. IDA seyibachazile abagqatswa abazakuba ngoosodolophu kwaba masipala.

EBhayi lo mbutho watyumba usihlalo wawo nokwayinkokeli yeMpuma Koloni uAthol Trollip, eGoli watyumba usomashishini uHerman Mashaba nowazenzela igama ngokuvelisa isiqholo senwele iBlack like me, ngelixa eTshwane uthe watyumba uSolly Msimanga ongusihlalo walo mbutho kwiphondo laseRhawutini.

Ukhongolose neEFF abakawadizi amagama oosodolophu, kwakunye nawooceba kubo bonke oomasipala.

Isithethi seANC uZizi Kodwa uthe, “Okwangoku amaphondo alungiselela iinkomfa zoluhlu lamagama abagqatswa.”

UMark Fredericks olitshantliziyo kubulungisa bezentlalo nongumhlohli kwiYunivesithi uyaseWalter Sisulu uthi, “Into engundoqo ethethwa ngala maqela kukuzisa uphuhliso eluntwini, lo nto ingenza umahluko omkhulu ukuba likhona iqela elinokuyiphumeza.”

UFredericks uqhube wathi, “Xa sijonga kwisixeko saseBhayi ngamakhulukhulu abasebenzi abasebenza kwimizi-mveliso yamavili behlala ezilokishini, bakhwela kabini phambi kokuba bafike emisebenzini, uninzi lwabo bachitha amashumi amane eepesente yemivuzo yabo kwiiteksi.

Uphuhliso kwiindawo ezihlala uluntu lingathetha ukuba abachithi mali ingaka, nexesha elininzi besendleleni, kodwa andiyiboni iANC neDA zikhokelisa lo nto, khange ke siyibone kule minyaka la maqela ekulawulo.

I-EFF iyaqala ukucela umngeni kulawulo loomasipala, akukho apho esinokuthi silibone khona ulawulo lwayo, sisajongile ukuba izakuqhuba njani njengorhulumente wasekuhlaleni.” UFredericks uthe iANC neDA zixhalabe kakhulu ngokwenzeka ezidolophini, nto leyo inyanzelisa uluntu ukuba lileqe ukuhlala ezidolophini.

Uthe uphuhliso lwamaphandle neelokishi linganendima enkulu kuqoqosho lweli, nakwintlalo yoluntu.

“Oomasipala ngamaziko ophuhliso, kwaye luluntu ekufanele ukuba liqhuba iinkqubo zophuhliso, kodwa into esiyibonayo apha eMzantsi Afrika kukuba ibhunga likamasipala lithatha isigqibo emva koko liye eluntwini, yiyo lo nto siphinde sibone abantu betshisa ezi zinto bazenzelweyo kuba abanabhongo lokuba zizinto zabo.” utshilo uFredericks.