Uphulukene nemali ethenjiswa umsebenzi womgunyathi esibhedlele

Intwazana yaseCorhana eMthatha ikhala esimantshiyane emva kokuphulukana nemali engange-R2 000 kulandela igumgedle lokuthenjiswa ngomsebenzi kwisibhedlele saseBhisho ngumntu obezibiza njengoDoctor Khamba.

Le ntwazana, eneminyaka engamashumi amabini anesithoba, yadibana nalo “gqirha” eteksini eya eLusikisiki kweyoMnga kunyaka ophelileyo.

Ekuncokoleni, le ntwazana yaxelela lo gqirha ukuba ifuna umsebenzi ongcono nanjengoko yayiphangela kwenye yeevenkile zaseMthatha.

“Lo mama wandixelela ukuba ungugqirha usebenza kwisibhedlele saseBhisho futhi ukuba ndingamnika i-R400 angandizamela umsebenzi kwicandelo lokukhutshwa kwamayeza (dispensary).

“Ndamnika lo R400 sanikana iinombolo zomnxeba. Emva koko siqhubile nokuncokola. Lo mama uphinde wandiyalela ukuba ndimnike imali yokuthenga amagxa anxitywa ngamagosa ezempilo kwakunye nemali yokuthenga izihlangu zokusebenza esibhedlele,” kutsho le ntwazana, ecele ukuba lingapapashwa igama layo.

Le ntwazana ithi bebeye badibane edolophini eMthatha xa izakukhupha le mali. Ngelinye ixesha ikhe yanikwa iinkcukacha zebhanki zokuhlawula le mali.

“Lo mama waphinda wandiyalela ukuba mandize nesitovu esitsha kwakunye nengubo ukuze ndifike ndingabinangxaki kwindlu endizakuhlala kuyo njengomsebenzi kwisibhedlele saseBhisho,” itsho le ntwazana.

Ngomhla wesibhozo kweyoKwindla, le ntwazana nalo “gqirha” bade benza idinga lokuba babonane esibhedlele eBhisho.

“Ekuseni xa ndiphuma eMthatha, ndamxelela ukuba ndisendleleni. Wandixelela lo mama ukuba zenditsale umnxeba xa ndifika esangweni lesibhedlele. Ngenene ukufika kwam esibhedlele ndamfowunela wathi mandilinde uyeza.

“Ndabona kudlula imizuzu eliqela engafiki, ndabona ukuba mandiphinde ndifowune. Ifowuni yavela ayaphumela. Kunanamhlanje andizange ndiphinde ndithethe naye. Ndaxelela abasebenzi besi sibhedlele ndibuzisa ngalo ‘gqirha’. Umnqa kukuba bathi abamazi. Ndandingenayo imali yokujika, ndizixelele ukuba ndiza emsebenzini.

“Abasebenzi baseBhisho bandinika imali yokujika, yabe ibuhlungu kakhulu intliziyo yam,” kutsho le ntwazana.

Le ntwazana ithi rhoqo xa ifowunela lo “gqirha” ifowuni ayiphumeli okanye ibanjwe ngomnye umntu.

Ngenxa yokuthenjiswa ngomsebenzi esibhedlele, le ntwazana yabeka phantsi kumsebenzi wayo kwivenkile yaseMthatha.

Umama wexhoba uthi ixhala lakhe kukuba uyeke umsebenzi wasevenkileni kuba ebejonge lo karhulumente umntwana wakhe.

Ixhoba liye layokuvula ityala kwisikhululo samapolisa aseMaderia eMthatha, nalapho athi aye amapolisa athi akukho tyala kuba imali ebemnika ngokwakhe kwaye bebenesivumelwano.

Isithethi sesebe lezempilo uSizwe Kupelo uthe: “Sicela abantu bakuthi ukuba bayazi ukuba xa isebe linezithuba zengqesho ezigunyazisiweyo, oko sizakupapasha kumaqonga ethu agunyaziweyo kwanakumaphephandaba.”

UKupelo uthi wonke umntu ohlawula imali komnye umntu kuba efuna umsebenzi, makayazi ukuba uzibandakanya kubuqhophololo.

“Sikhuphe isilumkiso, sixelela abantu ukuba baqaphele izithuba zengqesho zomgunyathi ezipapashwe kuGumtree. Isebe lezempilo soze lifune imali emntwini xa lizakuqesha. Ofuna amathuba engqesho makathi gqolo ukutyelela umnatha wethu ku: www.echealth.gov.za,” kutsho uKupelo.

Ukanti nesithethi sesebe lemisebenzi uZiphozihle Josefu ebengekaphefumli kumyalezo ebethunyelelwe liSolezwe ekubeni, acebise ulutsha ngokuthi bangayiqaphela njani imisebenzi yomgunyathi.

I’solezwe limtsalele umnxeba amatyeli aliqela lo “gqirha” eyibamba ifowuni kodwa engathethi.