Uphum’ etshaya uHlaudi

Oyintloko yezemisebenzi eSABC uHlaudi Motsoeneng, ufunyenwe engenatyala kwizityholo ebebekwa zona ngethuba ebevele kwikomiti yoluleko.

Lo kaMotsoeneng ubejamele nezityholo ezithathu eziquka ukuxoka ngeziqinisekiso zakhe zebanga leshumi,ukungakwazi kuziphatha kwanesokusebenzisa isikhundla sakhe ngokungekho mthethweni.

Kwinyanga ezimbini ezigqithileyo, inkundla yezibheno yayalela ukuba anqunyanyiswe emsebenzini wakhe uMotsoeneng aze aqhutyelwe kwiqonga loluleko.

Othetha egameni lombutho weDA uJames Selfe uthi, bazakucela inkcukacha zesisigqibo ukuze kamva bakhangele indlela yokusiqwalasela ngokutsha.

IDA ibisoloko ikhokele ukwenza umkhwazo wokuba lo kaMotsoeneng makagxothwe emsebenzini wakhe njengentloko yezemisebenzi eSABC.

UMotsoeneng ufunyenwe engenatyala kuzo zonke izityholo ebebekwa zona ngobusuku bango Mgqibelo. “Umbutho weDA awothukanga sesi sigqibo ngaku Motsoeneng,besisoloko silindele isigqibo esiloluhlobo,” uthethe watsho uSelfe.

UMotsoeneng ubemelwe lichule legqwetha uZola Majavu kwelityala, kwaye akakhange azivume zonke izityholo ebebekwa zona.

Phakathi kwezikhalo eziphambili zombutho weDA kukuba awakhange abizwe amangqina ebekulindeleke ukuba angqinele izityholo ebezijoliswe kuMotsoeneng.

Lo mbutho uthi, usihlalo wale komiti akakhange afumane thuba lilulo lokwenza lomsebenzi nanjengoko ebenesithuba seveki kuphela phambi kokuba kuthathwe isigqibo. Ukanti igqwetha likaMotsoeneng, uZola Majavu lithi, yinkampani yeSABC ezakuthatha isigqibo sokuba ubuyela nini emsebenzini loka Motsoeneng.