Uphume emagqabini umfundi obehamba ishumi leekilomitha

Umfundi ogqwese kwisikolo Ulwazi eMdantsane uOlwethu Ngqengqa ekunye nomzali wakhe. Umfanekiso: Abongile Ginya

Ihambo nzima kaOlwethu Ngqengqa wesikolo samabanga aphakamileyo iUlwazi eMdantsane izele amaduna namathokazi. 

Lo mfundi uphumelele emagqabini kwizifundo eziquka iAccounting, Physics kwakunye nolwimi lesiXhosa. 


“Besihamba umgama wekhilomita ezilishumi ngemini nganye ukuya nokubuya esikolweni sisuka apha eChicken Farm sisiya eMdantsane.


Siqale ukufumana inqwelo yokuhamba ngenyanga yoMsintsi wonyaka ophelileyo,”utshilo uNgqengqa. 


Emva kokusebenza nzima iinyanga ezilishumi elinesibini lo mfundi ukwazile ukuzivulela indawo kwiyunivesithi yaseRhodes eRhini esiya kwenza izifundo kwinzululwazi kwezezibalo.

 

“Ngoku ndilindele nje uncedo lemali ukuze ndiqalise ukuqhubela phambili izifundo zam kula yunivesithi yaseRhodes,” uthethe watsho uNgqengqa. 


IMpuma Koloni iphumele kwindawo yokugqibela ngelona qondo liphantsi elingamashumi amahlanu anethoba epesenti kuphela. 


Inqununu yase-Ulwazi uNomampondomise Kosani uthi kuyamvuyisa ukufumana ithuba lokusebenza nababantwana. “Kunzima kakhulu kodwa kumnandi ukuzibona unceda abantwana abafana naba bazibone befikelela kwindawo eziphezulu,” utshilo uKosani. 


Le nqunu ithi izakusebenzela ukuba baphumelele bonke abafundi besi sikolo kulo nyaka nanjengoko efumene amashumi alithoba anesihlanu epesenti ekhulwini kulo nyaka.