Uphumelele emagqabini kwezobunjineli owaseZimbabwe

“Ukuzinikela nokusebenza nzima kuko okubangela impumelelo ekwiqondo eliphezulu xa uyazi into oyifunayo”. Oku kuthethwe nguNoel Dube oyinzalelwane yelizwe laseZimbabwe ophumelele isidanga sobunjineli kwezokwakha kwiyunivesithi yaseWalter Sisulu ngethuba esamnkela isidanga sakhe (Btech Civil Engineering).

Okona kutsale amehlo ngomsebenzi wale ndodana kukuba uphumelele emagqabini kwizifundo zakhe ngelona qondo liphezulu(Cumluade).

UDube sele esebenza nje- ngenjineli esaqalayo kwinkampani yakwa GVK-Siyazama, kwaye uneenjongo ezibanzi. “Ndisebenza kule nkampani eLusikisiki, apho sizama ukuguqula impilo yabantu sisenzela ukuba ilizwekazi leAfrika liguquke,” utshilo uDube.

Lo kaDube ulandele ekhondweni likayise uBrighton Dube okwasebenza njengenjineli yezokwakha naye.

Ethetha ngale mpumelelo yonyana wakhe uBrighton Dube uthi, bayavuya kakhulu belikhaya lakwaDube ngenxa yomsebenzi owenziwe ngunyana wabo.

“Sikhwele inqwelo moya sisuka eZimbabwe, besingenakwenza oko sisiza kuthweso zidanga oluqhelekileyo, kodwa uhlobo aphumelele ngalo lulo olusiqhube ukuba sibone kunyanzelekile ukuba sibeyinxalenye yokuvuyisana naye,” uthethe watsho uDube.

Lo ka Dube uthi, kwaqala yena ukufunda kweli loMzantsi Afrika kungoko ethathe isigqibo sokuthumela unyana wakhe kweli.

“Ndilazi kakuhle eli loMzantsi Afrika, ndifunde apha isidanga sam sobunjineli kwezokwakha kungoko naye ndimkhuthaze ukuba azekufunda apha,” uthethe watsho uDube.

Le ndodana ithi ijonge ukudlala indima yayo kuphuhliso nokuvuselelwa kweziseko eziphambili kwilizwekazi lase- Afrika.

“Kubantu abasesikolweni ndingathi okubalulekileyo kukuba bakhethe kakuhle xa bekhetha izifundo zabo abazakuzilandela, kodwa okona kubalulekileyo kukusebenza nzima,” utshilo uDube.

Ingxelo ithi, uDube wabonisa umdla omandla kwasekuqaleni kwizifundo zezibalo nenzululwazi ngethuba ebesafunda kumabanga aphantsi.

“Lo mfana uncedwe sisiseko asifumene kumabanga aphantsi kwisikolo saseZimbabwe iPumula, kodwa enye yezinto, ungumntwana othobekileyo,” ucacise watsho uDube.

UNoel Dube uthi uzakufunda kwakho ukusukela kunyaka ozayo kwinqanaba elingasetla.

“Ndizakwenza iMtech kunyaka ozayo kwakwiCivil Engineering kuba ndifuna ukuzixhobisa ngoku lisekhona ixesha,” utshilo uDube.

Iyunivesithi yaseWalter Sisulu iqhuba uthweso zidanga ukusukela kwiveki ephelileyo.