UMongameli welizwe laseRwanda uPaul Kagame uphumelele emagqabini isihlandlo sesine kunyulo lukazwelonke kwela lizwe ngoMvulo wale veki.
UKagame uphumelela olu lonyulo emva kokuba umthetho wela lizwe uvumele amadoda amabini kuphela ukuba aphikisane naye.
Ingxelo yeAFP ithi uKagame uphumelele ngamashumi alithoba anethoba eepesenti ekhulwini kolu lonyulo.
Oku kwenza ukuba uKagame abe nguMongameli wela lizwe isithuba seminyaka engamashumi amathathu ilandelelana.
UFrank Habineza weDemocratic Green Party ufumene iivoti ezimbalwa kakhulu, kwaye oku kuchazwe ukuba kubonakalisa inkxaso enkulu kaKagame.
Umgqatswa ozimeleyo uPhilippe Mpayimana naye ufumene iivoti ezingephi kolu lonyulo emva kokuba ezame ukuzibonakalisa ekhangela inkxaso.
Kulonyulo olungaphambi, uKagame wayefumene iivoti ezingamashumi alithoba anesibhozo eepesenti ekhulwini.
Ukunyuka kwenkxaso kaKagame kuxela ukuba ngenene abantu baseRwanda basakholisekile lulawo lwakhe.
UKagame uthathe ilizwe laseRwanda ngethuba belisandula ukuphuma kwimfazwe yobukhaya eyashiya ela lizwe lixhwalekile.
Le nkokeli isebenze nzima ukuzama ukubuyisa isidima selizwe laseRwanda icenga amazwe ehlabathi ukuba alibone ngendlela efanelekileyo. Ilizwe laseRwanda liqhuba kakuhle kwiinzame zalo zokukhulisa imeko yezimali, logama likwasebenza nzima ukubuyisa uzinzo kwezopolitiko.
Imfazwe eyayiphakathi kwamaHutu namaTutsi eRwanda yabangela ukubhubha kwabantu abaninzi kakhulu. Ngeenzame zikaKagame ela lizwe lizithengisa kumaqonga onxibelelwano kwihlabathi ngeendlela ezininzi.
Enye yeentengiso eziphambili eRwanda yileyo imemelela abantu behlabathi ukuba batyelele ela lizwe ukuze likwazi ukuzivuselela.
Kule ntengiso iRwanda ibonisa abatyeleli behlabathi ukuba ililizwe eliguqukileyo kunelo belisaziwa ngaphambili. Ulimo nezimbiwa yenye yeendlela eziphambili zokuvuselela imeko yezimali yaseRwanda. Uzinzo kwimeko yezopolitiko eRwanda kunegalelo elimandla kwimeko ezinzileyo yelizwekazi laseAfrika.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike