NGETHUBA abantu bakwaMTN befowunela uBusiiswe Bangani ukumazisa ukuba uphumelele umgrugra wemoto akazange ayikholelwe kuba wayecinga ukuba yile miyalezo ithanda ukuqhatha abantu isithi baphumelele amabhaso.
Kuthe xa abantu bakwaMTN befika kwikhaya likaBangani kwilali yaseZeleni eCumakala bemazisa ukuba uphumelele iToyota Hilux, waqala wayikholelwa.
“Ubomi bam buzakutshintsha sitsho sikwazi ukubanekhaya elingcono kuneli sinalo ngoku,” utshilo uBangani (23) ophumelele le moto emva kokuba ethe wafunxa (download) ingoma efowunini kamhakhulu wakhe nge50c kuphela.
“Mna bendisenza nje, kolu khuphiswano lakwaMTN lwemoto kuba bendingenaso nesiqinisekiso sokuqhuba, ndabe ndisithi khona izakuhlalaphi lo moto ndinekhaya eliwayo nje.
Emveni kweentsuku kwafowunelwa umhakhulu exelelwa ukuba ndiphumelele, ndayikhaba kwalo nto ndisithi ngaba bantu baqhatha abantu. Ndakholelwa xa befika ekhaya abantu bakwaMTN besithi ndiphumelele,” kutsho uBangani.
UBangani uthi uthe xa ejonga imeko yekhaya lakhe, waqonga ukuba kufuneka eyithengisile le moto. Nabantu bakwaMTN, abakhange babenengxaki ngoku kuba nabo bayibonile imeko yakwaBangani.
“Ndizakwakhela umhakhulu wam (NoLast Kuku) indlu siyeke ukunethelwa xa silele sinegumbi elinye sibe sibalithoba, ndiyavuya ndiphumelele esaphila kuba uvuke esiwa nathi sisokola singenamama ndayeka nasesikolweni, kodwa ndizakubuyela ngoku, impilo izakubantle ndiyambulela uMTN,” utshilo uBangani, owayeka kuGrade 11.
UMonica Daka ojongene neenkxaso (sponsorship specialist) kwaMTN, uthe beyile nkampani bayazingca ngokutshintsha iimpilo zabantu.
“Sonwabile kuthe kwaphumelela ingakumbi umntu ongathathintweni ozokuyibona into ayenzayo ngemali.
Khange ubemhle umbono kum xa besibona ikhaya lakhe ngethuba siyomthatha, kunzima baxhomekeke kumhakhulu wabo qha. Olu khuphuswisano injongo yalo kukukhulisa iimvumi kwaneetalente zasekuhlaleni apho uye udawnlowude lo ngoma uyithandayo efownini yakho ilula injalo.
Omnye obesandula ukuphumelela ibingowase- Lusikisiki umntu naye ongazithatheli ntweni,” utshilo uDaka.
Woleke ngelithi bazakumncedisa kangangoko uBangani bamfunele nabantu bebhanki abazakuthi bamcebise ngohlobo azakuthi asebenzise ngayo imali.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike