Uphumelele isidanga, ngoku uxhalabe ngabahlelelekileyo

UPontsho Pitsi ekunye noMphathiswa wesebe lohlaliso loluntu eMpuma Koloni uMlungisi Mvoko

UPONTSHO Pitsi waphumelela isidanga kwezoqoqosho (BCom Economics) kwiYunivesithi yasePitoli, kodwa emva kokucingisisa ngemeko yoluntu akhule nalo, uphinde waya eyunivesithi eyokugqala amacebo entlalontle eluntwini.

Ngoncedo lweSebe loHlaliso loLuntu eMpuma Koloni, uPitsi waseAtteridgeville ePitoli, uphumelele isidanga sophuhliso lwentlalo yoluntu (Bachelor of Human Settlement Development) eNelson Mandela University, kwaye uthi eli likhono ekudala elinqwenela.

“Esi sidanga sinxaxhile, siquka okuninzi kumba wohlaliso loluntu. Apha sithetha ngemigaqonkqubo, uhlolo nokumiliselwa kweeprojekthi zohlaliso loluntu, ulawulo lweeprojekthi,” utshilo uPitsi emva kokuthiwa jize ngewonga leli Sebe ePhondweni, lokuba ngoyena mfundi ugqamileyo.

NgoLwesine weveki ephelileyo, eli sebe belibambe amawonga abizwa iGovan Mbeki Awards.

Esi sidanga sisekwe ukuze sinike abantu izakhono kwicandelo lohlaliso loluntu, apho kuquka nezixhobo zokugqala amacebo okuqubisana nemingeni kwicandelo lohlaliso loluntu.

“Into endiyithanda kakhulu ngesi sidanga kukuba sigxile kakhulu kukhathalelo loluntu, apho sithetha ngokudityaniswa koluntu namathuba ezoqoqosho. Imibuzo efana nokuba abantu bendawo ethile bafikelela njani na kwimingxili yezoqoqosho, iyaphendulwa ngumntu ofundele esi sidanga.

“Njenge-ntombazana ekhulele elokishini, ndiyazazi iinzingo nemingeni yokukhulela elokishini, ngoko ke ndifundele ikhondo lokunceda kwinto endikhulele kuyo.”

UPitsi uthi umsantsa awubone phakathi kwabantu abahlelelekileyo kwanabo bafumileyo, kumbangele ukuba acinge nzulu.

“Enye into ebangele ukuba ndifundele esi sidanga, kukubona umsantsa okhoyo phakathi kwabo bahlelelekileyo nabo bazizinhanha. Izinhanha zihlala kwizindlu apho kulula ukufikelela kwiindawo zoncedo, logama amahlwempu ehlala kwiindawo apho kunzima ukufikelela kwiindawo zoncedo. Kufuneka iphelile le nto, ukuba sifuna ukwakha uluntu oluluqilima.”