Iphupha: Kunephupha elindihluphayo libetha libuyelela, soloko ndiphupha ndiselwandle abantu besimka nolwandle, kodwa ndihlala ndisinda qhoo.
Ngenye imini ndandikhe ndaphupha ulwandle luhlasela abantu, kwaye behamba nalo, ingathi ke mna ndathathwa ngutata wam ongasekhoyo wangena nam phantsi kwamanzi nalapho wandibuysela sele liyekile ukulwa.
Impendulo: Camagu! Wena cwezela kude kunolwandle okwangoku de kube kanti le nto ifunwa ngabantu bakowenu uyenzile. Ulwandle kulapho imimoya yabantu bethu abangasekhoyo iphila khona, oku kuquka amadami, iimilambo namahlathi.
Ezi ndawo uyakufumanisa ukuba abantu abangamagqirha bazibiza ngokuba ngamakomkhulu ukunika intlonipho kuzo, kwakunye nezinto zonke eziphila apho zihlonitshiwe ngokunjalo.
Ngokwesithethe sakwaNtu bekumele ukuba siluluntu phambi kokuba siye kwezo ndawo sicela imvume kubanikazi bazo.
Umzekelo xa uzakuwela umlambo uye ucele indlela kubantu bawo, kuba sinenkolo ethi kuhlala abantu kwezo ndawo.
Ngoko ke, utata wakho ephupheni ukuthathele ukuba ekubonisa ukuba ukhuseleko lwakho lukubantu bolwandle olo, nto ethi ngamagama acacileyo nawe uyinxalenye yabo. Oko ke akwenzeki noba kukubani na, koko kwenzeka kwelo gcuntswana lonyuliweyo. Thatha iintonga ke uyokuva kabanzi kooSiyazi xa ungahluthanga. Camagu!
Iphupha: Ndithonge ndisenga inkomo, kodwa yona ingafuni usengwa ndim ingathi ifuna usengwa ngumalume wam obesebuhlanti esenga enye inkomo naye ngelixesha kusenzeka le nto. Le nkomo iye yahamba ngoku ndiyisenga, kwaye ubisi ingalukhuphi suka kwaphuma igazi emibeleni. Lithetha ukuthi eli phupha?
Impendulo: Camagu! Uyisenga njani inkomo unetyala? Ewe kaloku ndivumele nditsho ukuba amawenu awaxolanga, imisebenzi iliqela ingxangile ifuna ukwenziwa, kwaye sebede bafuna nokukhalala ngendlela enenza ngayo izinto.
Hlanganisa abantu abadala bekhaya nivelele iinkalo zonke nikhangele ukuba kwizinto ebekumele ikhaya elo liyazenza zeziphi ekufanele kuqalwe ngazo? Xa nixinga niye kuSiyazi. Ukhumbule ungamshiyi ngasemva uMalume kuba nguye ozakuninka umkhomba ndlela. Kuba kakade benisenga kunye ezi nkomo. Camagu!
Iphupha: Ndiyazibulisela kuwe Mphilisi, Ntswentswe, Ncibane, Nojoholo.Mna ndiphupha uMalume wam owaswelekayo, erhangqwe ziz’Skeletons. Apha ecaleni kwezi * ’Skeletons kukho into enesithunzi esimnyama emileyo, Umalume abe enganxibanga eze, ezi * ’Skeletons zizame ukumbamba,kodwa aphuncuke uMalume ayongena elwandle. Inokuba ke ngonku lithetha ukuthini eli phupha Ncibane? Camagu! Sis Lee eMonti
Impendulo: Camagu Sisi. Umntu xa ehamba ze uye embathiswe, asimbono mhle ukubona umntu ehamba ze. Ngamanye amaxesha kumaphupha ethu siye siphuphe lowo ungasekhoyo esithi uyagodola.
Kudala phambili phaya kwakukade kungekho mikhumbi (Zibhokisi) zakungcwaba abantu. Umntu ebethandelwa ngofele lenkomo, leyo akhatshwa ngayo ukumembathisa ukuze afike kooyise mkhulu efudumele.
Ngenxa yempucuko izinto ziye zaguquka ngoku, sisebenzisa imikhumbi, inguquko ke ayisebenzi kwelemimoya. Yiyo ke le nto uzakubona ephupheni umntu ingakumbi ongutata ehamba ze egodola kukuba khange ayenzelwe inkomo leyo yokumkhapha neyona ibizakuba ngumfuziselo wokumembathisa.
Amathambo lawo uwabonayo ngumfuziselo wabo balele ukuthula, nekufuneka uMalume lowo ehlanganiswe nabo ngokomoya, yiyo ke lo nto ebaleka nje. Kukuba usenetyala phakathi kwabo. Camagu.
Iphupha: Camagu Mphilisi Ndikhe ndaphupha ndikhulelwe ndingazazi phofu, ndaya ekliniki xa ndifika pha ndahlolwa (ndenziwa ipregnant test) zabuya iingxelo zisithi ndikhulelwe . Ingaba lithetha ntoni elo phupha tata . Enkosi Amish, Mdantsane
Impendulo: Camagu Amish Ukuphupha ukhulelwe yinto eqhelekileyo ingakumbi kubantu abangamanina. Ukuphupha ukhulelwe akutsho konke konke ukuthi ukhulelwe ngokohlobo lwendalo esiyazi sonke.
Koko ngqondiso kwisiqalo esitsha kubomi bakho. Ngokucacacileyo izicwangciso zakho ngobomi bakho zizakuphathela iziqhamo ezihle.
Kungenzeka ukuba kukho ndawo ithile owawunyeke kuyo ingqesho, ngoku iminqweno yakho sele imbovu ukuzalisekiswa.
Okanye kukho nto ithile oyigcine kuwe ekudala ufuna uyenza, umzekelo ukuqala ishishini, ngoku ixesha lifikile lokuba ukwenze oko. Izihlwele zakho nomdali zingakwicala lakho. Musa ke ukulibazisa sebenzisa ithuba elo unalo. Camagu!
.KHUMBULA, Ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za. Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi iyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro