Uphuphe ntoni?

Iphupha: Tata ndicela ndicaciselwe eli phupha.ingaba xa uphupha uwela umsele wamanzi acocekileyo xa ndizam’ uwela luye olunye unyawo liwakrwece la manzi, kodwa ndiwelele ngapha kwawo, ndidibane nentsimi enombona ndiyawuvula lo mbona kodwa qho mna ndidibana nezikhwebu ezincinci ndothuke ndisa- khangela isikhwebu esikhulu,

Impendulo: Isivuno sakho sibanjwe nguwe. Isizathu sokuba uvune umbona omncinci ziinkani zakho. Ukhumbule ukuba isivuno bubutyebi obuvela emhlabeni. Ewe uyazenza izinto ezininzi zesintu, kodwa uyala ukwamkela ubizo kuba wena ukhethiwe. Yenza ke okumele ukwenze kuba uyakwazi kakade. Camagu!!!

Iphupha: Mandizibulisele mhlonitshwa, mna ndicela uncedo, kunephupha elindihluphayo iintsuku zide zambini zilandelelana ndiphupha ndityiwa ziikati, andazi ithetha ukuthini le nto!!!

Impendulo: Camagu. Ndiyazi ukuba uninzi lwabantu xa kuthethwa ngekati lucinga ngento emdaka. Ukanti kwabanye iyakwazi ukuba sisilo sabo.

Kodwa Kule meko yakho ayinanto yokwenza nazihlwele, koko kunomoya ombi okuzulelayo wena xa kungoku bekumele uqule uligangathe. Zama ke indlela yokuhlanganisa njengomfana obetha iintonga. Camagu

Iphupha: Ndicela uhlalutyelwa apha, ndisoloko ndiphupha ndidutyulwa okanye ndihlatywa ngemela, onke nje amaphupha am anengozi phakathi, okanye ndiphuphe usapho lwam lusilwa, ndicela uncedo

Impendulo: Camagu mntomdala. Ukufa kusembizeni. Eli liphupha lesilumnkiso kusapho olo lwenu ingakumbi wena. Khumbula ukuba ingqumbo yeminyanya xa sele ifukame phakathi ekhayeni kunzima ukuyithomalalisa.

Ngale ntetho ndibhula umbethe kuba apho ndiya khona kukwindawo ethi, apho ekhayeni lenu lukhona utyeshelo kwindlela ebenifudula nisenza ngayo izinto ndlela leyo ibide yafana nesithethe phakathi kwekhaya.

Xa kungoku, elowo utsalela kwelakhe icala, akukho lumanyano. Ngoko iphupha sisilumnkiso sokuba nenze izinto ngendlela elungileyo ukuze ningatshabalali okanye ikhaya elo lingabhangi. Hlanganisa abantu bekhaya niyokuwusabela banzi lo mba. Chosi.

Iphupha: Ndicela ucaciselwa, xa uphupha utata womntwana wakho ezeka (tshata) kodwa nibe ningasavisisani lithetha ukuthini elo phupha?

Impendulo: Ukuzeka ephupheni kunxulumene nokubonisa isiqalo esitsha sobomi. Hayi ukuthi uzakuzeka nyhani, kungenzeka ukuba kukho into ephucukileyo ezayo kwicala lomyeni.

Wena ke mhlawumbi uzakubuza ukuba ungena phi na kuba anisavani, khumbula ukuba kaloku kunehlumela lasemathileni (kulomfana lowo) eli lapho kuwe, umntwana ke xa ndisitsho ekucacayo ukuba naye uzakubandakanyeka kulo nto izokwenzeka. Kwiphupha eli andiboni nto inabungozi. Hlala nje wena ulinde.

Iphupha: Ndiphupha ilitye loguba ingathi kume ibhokhwe emnyama ecaleni kwalo, lithetha ukuthini elo phupha? Enkosi, Ntombozuko

Impendulo: Camagu Sis Ntombozuko. Endulo ilitye elo belisetyenziswa ukucola umbona namazimba, kulapho ke bekuphuma khona imithombo yokudidiyela utywala besintu obuye bugaywe. Ibhokwe emnyama kwaXhosa isetyenziswa ukuhlamba inyala nokususa izibi emntwini. Ngoko ke sisi apho ndiyakhona kusekubeni kukho nto amawenu ayibone njengomkhuba phakathi kwekhaya nekufuneka ihlanjwe ngomsebenzi onezinto uzibonileyo. Ulwazi olugcweleyo uyakulufumana xa uthe waya kwimboni. Camagu!!!!

.KHUMBULA ukuba iphephandaba lakho I’solezwe lesiXhosa kunye noMphilisi (Makhosi Lulama Mpahla) benza konke okusemandleni abo ukunceda ukuba ufumane umkhombandlela kumaphupha akho.

Kubalulekile ke ukuba ulwazi olufumanayo uliqinesekise ngokuthi undwendwele imboni okanye uSiyazi okanye uhlangane nabantu abasondeleyo kuwe phambi kokulandela iingcebiso zethu.

Ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku:

isibhalo@inl.co.za.

Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo.

UMphilisi iyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer