UPistorius ubuyela enkundleni namhlanje

Owayesakuba yintshatsheli yehlabathi oyimbaleki ekhubazekileyo uOscar Pistorius nosele ejongene netyala lokudubula abulale intokazi awayencuma nayo kwiminyaka emithathu edlulileyo, kulindeleke ukuba abesezinkundleni eziphakamileyo zamatyala ePitoli namhlanje.

UPistorius wakhutshwa kunyaka ophelileyo kwinyanga yeDwarha ejele, unyaka umnye kuphela kwiminyaka emihlanu awayeyigwetyiwe yinkundla, tyala elo yaba lityala lokubulala ngokungenanjongo.

Kodwa oko kwaye kwajikwa yinkundla yezibheno yaseBloemfontein yabalityala lokubulala.

UPistorius wadubula uReeva Steenkamp ngomhla wezithandani (Valentines) ngo2013 esithi ucinga ukuba wayengumntu oyokuqhekeza.