UPM: ‘Sizophumelela singabahlali baseMakhanda’

UMBUTHO wabahlali iUnemployed People’s Movement (UPM) yaseMakhanda ithi izithembile iza kuphumelela xa kumanyelwa isibheno sikarhulumente waseMpuma Koloni ophikisana nesigwebo seNkundla ePhakamileyo sokuba mawufakwe phantsi komlawuli (administrator) umasipala waseMakana.


Kule veki iNkundla ePhakamileyo yaseMakhanda igwebe ngelithi mawuchithwe uMasipala waseMakana, ibalula ukusilela kwalo masipala ekuseni iinkonzo eluntwini njengesizathu.

 

Inkundla yaseMakhanda ikwabalule ukuba lo masipala, amatyeli aliqela, uwutyeshele umgaqosiseko. 


Esi sigwebo sithi makonyulwe umlawuli kamasipala (administrator). 

Lo mlawuli kufuneka asebenze kwisicwangciso sokubuyisela esiqhelweni izinto zikamasipala kwanokuzinzisa ezezimali. 

Ezinye zezinto osilela ngazo umasipala waseMakana, ngokokutsho kwabahlali, ngamanzi, ukucholwa kwenkunkuma, ukuqeshana “ngokuzalana nangokulalana”, ubuqhophololo, iindlela ezingekho semgangathweni, ukubala nje ezimbalwa.

Kodwa urhulumente wephondo, ngokomlomo kaMvusiwekhaya Sicwetsha, isithethi seNkulumbuso uOscar Mabuyane, uvakalise ukuba uza kubhena kwesi sigwebo.

Inkokheli yeUPM, uAyanda Kota, uthe: “Singabahlali balo masipala waseMakana silindile ukuva izigqibo zephondo. Baneentsuku ezingamashumi amabini ukwenza isibheno.”

“Isicelo sethu, kukuba xa bethukisa masingabaphenduli, le nto ibonwe yinkundla, icacile, izinto esizithethayo zicace nakuthathatha. Masingalwi bahlali. Masizixeleleni ukuba eli tyala siza kulilandela de kubesekupheleni kwalo. Sinethemba kananjalo ukuba sizophumelela singabahlali.

“Le yimpumelelo yethu singabahlali. Bakhona oogxobhiyeza abaza kufuna ukuba singavisisani singabahlali, sithukane, silwe kwasodwa. Thina singabahlali singabantu boxolo,” utshilo uKota.