UPutco uphise ngeencwadi eMotherwell

UPutco Mafani ebonisana noYolanda Ramncwa wakaTransnet ngeencwadi ezilasi ikhonteyina eMotherwell.

Ikhaya labantwana abaziinkedama,iThamsanqa Foster Home, elizinze kwilokishi yaseMotherwell, eBhayi, ithiwe jize ngesipho sekhonteyina ebizele ithe qhu ziincwadi zokufunda kumsitho obubanjelwe phambi kwesakhiwo seli khaya ngoLwesihlanu wale veki iphelileyo.

IThamsanqa liziko eligcina abantwana abangenabazali nabaphuma kumakhaya angathathi ntweni bengamakhwenkwe namantombozana abakwiminyaka eqala kwemiithathu ukuya kwishumi elinesithandathu – bephuma kwiilokishi zonke zommandla waseNelson Mandela.

uZanele Ralarala, igosa lePutco Mafani Consulting okwangumququzeleli weli linge, uchazele intatheli yeli phephandaba ukuba iThamsanqa yachongwa yile nkampani ekhokelwa nguPutco Mafani – ongumsasazi wesikhululo sosasazo Umhlobo WeneneFM emva kotyelelo lwabo kweli khaya kwiphulo labo lokukhuthaza amaziko esisa ngokuwaxhobisa ngezidingo zawo.

Uthe bamalunga namashumi amathathu anethoba abantwana abagcinwe kweli khaya, abanye babo baphila nesifo sika gawulayo.

“Le khonteyina iya kusetyenziswa njenge thala leencwadi, kungekudala siza kufakela iidesika neekhompyutha ukuze abantwana basebenze ngcono. Ngale ndlela sizama ukukhuthaza ukubuyela esikolweni nempilo engcono yokufunda kwabantwana balapha, “ kutsho uRalarala.

Umseki weli ziko uLouise Fourie ebengawuvali umlomo yimincili, ubulele iPutco Mafani Consulting ngelithi inkulu into ebenzele yona futhi indawo ephangaleleyo yokufundela ibiyenye yezidingo zabo kakade.

“Abantwana bethu baqhuba kakuhle ezifundweni. Esi sipho sizakubenza baqhube kakuhle ngaphezulu,” kutsho uFourie.