Uqale ishishini lokuvasa izihlangu uAsanda

UAsanda Sobe nohlala eLitha Park eKhayelitsha uqale ishishini lokuvasa izihlangu, ukwakhuthaza abantu abatsha ukuba babenezinto abazenzela zona ukudala amathuba emisebenzi umfanekiso: Buziwe Nocuze

Ukunqaba kwamathuba emisebenzi sesinye sezizathu ezibangele ukuba ityendyana laseKhayelitsha eKapa liziqalele ishishini lokuvasa izihlangu.

UAsanda Sobe noneminyaka engamashumi amathathu ubudala uqale ishishini lokuvasa izihlangu.

“Ndiye ndabona ukuba mandenze lento abantu bonqenayo ukuyenza kwaye andizisoli kuba bayandixhasa noko abahlali.”utshilo uSobe.

Uqhube wathi nanjengomntu omtsha ekudala ehamba ezindaweni ezinabantu abatsha uqaphele ukuba banxiba izihlangu ingakumbi iteki ezimdaka.

“Ukhona umohluko kunomntu onxiba izihlangu ezimdaka kuba esenza isitayela nabo banxiba ezimdaka kuba besonqena ukuzivasa, ndilapha ukubanceda kulowo msebenzi.”utshilo uSobe.

Ubiza amaxabiso ohlukeneyo nanjengoko nendlela azivasa ngayo yohlukile, kuba unento ayibiza ngokuba siSneaker Revival apho athi avase izihlangu ngaphandle nangaphakathi kuquka nemitya ze emva koko azifake isipreyi.

“Ndinaso ke neSneaker Rehab apho ndithi ndiyivase ngaphandle kuphela ndiyifake nezinto zokuyinukisa kamnandi ze ndigqibele ngeStay Fresh apho ke ndiye ndizosule umntu ngoku azinxibileyo.”utshilo uSobe.

Ubiza imali engange R65 ukuyoma kwi R55.

“Andifuni kubiza imali enkulu kuba abantu abasebenzi, abo basebenzayo abafumani mali ininzi yilonto ndibonileyo ukuba mandingababizi imali enkulu.”utshilo.

Lo kaSobe uqhube wathi abantu abatsha mabavuke bazenzele kuba ukuba balindele urhulumente adale amathuba emisebenzi bakulinda unaphakade.

“Kudala sikhala ngamathuba emisebenzi kwaye endaweni yokuba kudalwe lomathuba kuphela la akhoyo, abantu baphelelwa yimisebenzi kwindawo abaphangela kuzo ukuzogcwalisa inani ebelihleli lilikhulu kakade labantu abangaphangeliyo.”utshilo uSobe.

Watsho esithi umsebenzi wokuvasa izihlangu sokuze ubelula nanini na ntonje kufuneka umntu awuthande umsebenzi awenzayo.

“Abanye abantu bakhe bandibuze ukuba ndinyamezela njani na ukuvasa izihlangu ezinukayo,impendulo inye xa uyithanda into oyenzayo ezinye izinto awuzihoyi.”utshilo uSobe.

Uqhube wathi umqweno wakhe kukufumana indawo enkulu kuba ngoku usebenzela kokwabo.

“Ndiyakholelwa ukuba xa ndinokufumana indawo enkulu nokuba kuse mall ndingafumana abantu abaninzi kakhulu kuba ngoku abanye bayoyika ukuze eLitha Park, kodwa ndinalo ithemba lokuba ngenye imini izakwenzeka lonto.” utshilo uSobe.

UMasivuye Somhlahlo noneminyaka engamashumi amabini anesithathu ubudala uwuncoma kakhulu umsebenzi kaSobe ngelithi uzakunceda abantu abaninzi kakhulu.

“Nangona uninzi lwabantu lungazivasi ngenxa yokonqena izihlangu abanye ababinalo ixesha ngenxa yomsebenzi.” utshilo uSomhlahlo.

Watsho esithi elicebo lokuqala ishishini lokuvasa izihlangu liyabonakalisa ukuba abantu xa benokucingisisa indlela zokuqala amashishini bangakwazi ukwenza oko bakhe bayeke ukulindela yonke into kurhulumente ongabonakalisi kudala amathuba emisebenzi.