Uqale unomathotholo, ngoku ufuna umabonakude

ULulama Mpahla ephehla ibhekile kumsitho wokuphehlelela ngokusesikweni ICamagu Radio UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

UQALE isikhululo sikanomathotholo, ICamagu Radio, esifumaneka kumnatha wezonxibelelwano ngobuxhakaxhaka, futhi wonelisekile ngumgama osele uhanjwe sesi sikhululo ukusukela ngomhla wokuqala kwinyanga yoMsintsi, kodwa ngoku lo mseki wesi sikhululo unabise umdla wakhe kwisikhululo sikamabonakude.

Ngethuba lomsitho wokuphehlelelwa ngokusesikweni eNcera eMonti kwiveki ephelileyo, uLulama Mpahla, oligqirha nokwangumseki wesi sikhululo sikanomathotholo, uxelele abebezimasile ukuba sele esifakile isicelo selayisenisi sikamabonakude wasekuhlaleni.

Kwinyanga ephelileyo abakwaICASA (Independent Communications Authority of South Africa), bakhuphe imbalelwano malunga neelayisenisi ezingamashumi amabini anesibini. Ezimbini kwezo layisenisi ziseMpuma Koloni, kwaye uMpahla ukwiphulo lokufumana enye yazo.

“Apho siya khona ngoku, siya kumabonakude. Sele sisifakile isicelo selayisenisi kamabonakude wasekuhlaleni. Apha eMpuma Kapa kukho iilayisenisi ezimbini (Digital Community Television Broadcasting Service) ezikhutshiweyo (nguICASA). Into esizidla ngayo kukuba uhlobo lweenkqubo esiza kuzisasaza azifani nezinye izikhululo.

“Into yethu iyaqala, akukho mntu wakhe wayenza ngaphambili. Abantu badikiwe zezi zinto baziqhelileyo. Siza kulinda iziphumo zesicelo,” utshilo uMpahla.

Ngokwembalelwano yeICASA, izicelo zivalwa ngomhla wesine kweyeNkanga kulo nyaka.

Ethetha ngonomathotholo, ICamagu Radio, uMpahla uthe: “Abantu balithakazelele inyathelo likanomathotholo wethu, bayaziphulaphula iinkqubo zethu. Ngesi sikhululo, senza iphulo kurhulumente ukuba adlale indima yakhe kwimiba yesiNtu.”

“Eyona njongo yethu kukufundisa uluntu ngamasiko, izithethe nendlela yokuphila. Sikhumbuza uluntu imvelaphi kwanokuzingca ngenkcubeko. Isikakhulu sifuna ulutsha lufunde ngemiba yesiNtu,” kutsho uMpahla.

Uthi ukuqala kwakhe eli nyathelo kuza emva kokuqaphela ukuba imiba yesiNtu iyatyeshelwa ngamajelo osasazo.

“Imiba yesiNtu sethu ayixatyiswanga ngamajelo osasazo esinawo. Kudluliswa nje usana kunina. Zikhona ke nezikhululo ezithetha ezilwimi zethu, kodwa xa uqwalasela uye ufumanise ukuba kuqaqanjiswa amasiko aseNtshona kwezo zikhululo.

“Lifikile ithuba lokuba ibesithi abacakaca imiba yesiNtu echaphazela thina. Phantse zonke iinkqubo (70%) zethu zigxile ekufundiseni ngemiba yesiNtu. Kungempelaveki apho siye sibeneenkqubo zezemidlalo nezomjuxuzo.”

UMpahla ukhuthaze uluntu ukuba luzinike ithuba luphulaphule iinkqubo zesi sikhululo.

“Iinkqubo zethu ziquka ukuxoxa ngamasiko, ukwenziwa kwawo. Siphinda sixoxe malunga nemiba yabantu abagula ngengulo emhlophe. Umbono wethu kukuba sibe ngungqa phambili kwezosasazo, simela isiNtu sethu.”

ICamagu Radio ungayiphulaphula kumnatha, www.icamagulive.co.za, okanye kwiApp (ICamagu Radio) efumaneka kuGoogle Play Store.