USinelizwi Ntuntu waseQaqamba High eDuncan Village, uthi ebeye abalinde balale bonke abantwana bakowabo ukuze akwazi ukufumana ithuba lokufunda, kuba elo ibilelona thuba alifumanayo lokufunda njengoko behlala kwigumbi elinye bebonke kowabo.
UNtuntu,18, uze no100% kwisiXhosa, akaphelela apho kuba nakwezinye izifundo zakhe asikho afumane ngaphantsi komyinge ka80.
Uthi akusukanga kwasa epasile, impumelelo yakhe uyisebenzele kuba ebengaphumli ngoba ebeyazi into ayifunayo. Uthi abantu abaninzi isiXhosa abasifundi xa bezokusibhala kuba umntu esithi ihleli ilulwimi lwakhe, kanti hayi naso siyafundwa njengezinye izifundo.
“Bendizazi ukuba ndiza kupasa kuba bendifunda kwaye ndizinikele kwasekukhuleni nje kwam kwizifundo zam. Bendizisikela ixesha lokufunda kwaye andinaso isifundo endivele ndithi andisithandi okanye akukho mfuneko yokuba ndisifunde. Ndiyazifanisa kwaye ndizilinganise ngokufanayo izifundo zam, yeyona mfihlo ndingathi iye yancedisana nam ezifundweni zam leyo,” utshilo uNtuntu.
UNtuntu, oyinzalelwane yakwaMlungisi eCumakala, uthi ngempelaveki ebeye athi chu ukuyokufunda esikolweni nokuba uyedwa kuba ibiyeyona ndawo inokuthula, uthi ukufika kwakhe ekhayeni ebeye athi umama wabo mabalale abancinci azokwazi ukufunda uSinelizwi kuba indlu inye, ebengenokwazi ukufunda into eyiyo besahleli.
UNtuntu ubalisele eli phephandaba ihambonzima yakhe ngexesha ebesenza uGrade 12, nalapho athi ebekhe aye nangeenyawo esikolweni kukude kunjalo. Umama wakhe uPhindi Ntuntu waphelelwa ngumsebenzi, ngoku ebeye kuleyo ayifumanayo kushiywe ekaSinelizwi yokuya esikolweni kuba abanazo kwindawo yabo imoto zikarhulumente ezibonelela abafundi.
UNtuntu ubulela abantu abaninzi abamxhasileyo ingakumbi ootitshala bakhe. Uthi bamenzele ubomi lula ngenxa yenkxaso abamnike yona.
Uqhube wathi oyena nobangela wokuzinikela kwakhe kukuba kwathiwa imfundo sisitshixo sekamva lomntu omtsha. Uthi ufuna ukutshintsha ikhaya lakhe ukuze ade uncumise umama wabo owe evuka nabo emva kokuqhawuka komtshato wakhe.
Uthi uza yokwenza izifundo zeEconomics ekuncediseni kuqoqosho lweli loMzantsi Afrika. Kwezinye izicwangciso zakhe akazukuyeka nokuphuhlisa isiXhosa, uthi umnqweno kukubhala incwadi yesiXhosa kwaye ethubeni abuye akhuthaze ulutsha ngokubaluleka kolwimi lwabo.
IsiXhosa kwiziphumo zalo nyaka sehle ngo0.2% sisuka ku99.7% ukuya ku99.5%.
UPhindi, ongumama kaSinelizwi naye beseICC eMonti ngethuba isebe lezeMfundo liwonga abafundi. UPhindi uthi unebhongo ngomntwana wakhe, uthi uliliswa kukuba kuvele kwachukumiseka izinto esezadlulayo, indlela athe wayihamba neentsana zakhe emnye.
Uthi sele ebulela kwaye enethemba lebhasari kungenjalo bekuzobanzima.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10