Uqeqesho lwemifuno etyalwa kwiibhokisi

Ufuna ukutyala imifuno, qha into ongenayo ngumhlaba?

Kuluntu lwasePellsrus eJeffreys Bay ukungabinamhlaba asiyonto enokuthintela ubani angayityali imifuno.

Ngoncedo lweFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseJeffreys Bay, okanye iJeffreys Bay Wind Farm, uluntu lwale ndawo lufumana uqeqesho lokutyala imifuno esemgangathweni ngeebhokisi.

Le Fama ikhuphe inkxasomali neebhokisi ezingamakhulu amabini (200) ukuze kuqeqeshwe uluntu.

Iindawo ezifumene olu qeqesho yiHealthy Mom and Baby Clinic neNoah’s Ark Crèche, ePellsrus, Kings College eOceanview kwaneWave Point Church eJeffreys Bay.

Le nkqubo, ebizwa Veggies-in-a-Box, inikeza uqeqesho, izakhono, ulwazi kwanamava wokukhulisa loo mifuno nakoluphi na uhlobo lomhlaba.

Abo bayinxalenye nolu qeqesho banikwe iibhokisi, umgquba, izithole zespinatshi kuquka noqeqesho lokutyala imifuno ngokwendalo nozinzo.

Ezi bhokisi ziza kuhlala kwezi ndawo isithuba seenyanga ezintandathu, emva koko, xa kuphele uqeqesho, abanini bezi bhokisi bangazithatha bazise kwamawabo.

Omnye wabo baxhamla kweli phulo nguThandi Radebe wasePellsrus. “Olu qeqesho lundivule amehlo kwaye ngoku ndisebenza ngenjongo zokuba ndibenezakhono ezikhethekileyo, esizifundisiweyo, ukuze ndikwazi ukutyala nokukhulisa imifuno yosapho lwam, ngokwemo yezendalo,” utshilo uRadebe.

UMlawuli woPhuhliso lwezoQoqosho kule Fama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseJeffreys Bay, uHlengiwe Radebe, uthi banethemba lokuba le nkqubo inganabela kwisigaba sesibini apho ezi bhokisi zingathathwa zisiwe ezindlini zoluntu, ze uluntu olo lunikwe izithole zebhitruthi kwanetswele.

IHealthy Mom and Baby Clinic ifumene iibhokisi ezintandathu kwaye ikwanikeza ngemifuno edlamkileyo koomama abatyelela le kliniki. Kule kliniki kuthe kwaqeqeshwa abasebenzi kwanabatyeleli bekliniki abangama40.

UMlawuli wale kliniki, uLynette van Onselen, uthe: “Yinto entle kakhulu ukubona abantu befumana uqeqesho kwezolimo, ukuze ubani akwazi ukusebenzisa oko akufundileyo ekuveliseni (imifuno) kumzi wakhe.”