Uqhankqalazo kwisikolo sembali eQoboqobo

Esinye sezikolo ezidala nesiqhuba kakuhle kwiziphumo zebanga leshumi eMpuma Koloni iSt Matthews yase Qoboqobo igagene nengxaki emva kokuba abafundi, ootishala nabazali bevale amasango angena kwesi sikolo bekhalazela isabelo mali esingaphumiyo kwisebe lezemfundo eBhisho.

Ingxelo yabazali ithi esi sikolo sisoloko sisokola ukufumana isabela semali efunyanwa zezinye izikolo minyaka le.

Usihlalo wegqiza elilawula isikolo uEric Matsha uthi bonele yimpatho ebuhlungu abayifumana kwisebe lezemfundo.

“Kulo nyaka uphelileyo imali ebekumele ukuba incedise inkqubo yokufunda nokufundisa kwesi sikolo esuka kwisebe lemfundo yathunyelwa ngempazamo kwisikolo samabanga aphantsi iSt Matthews, saxoxa ukuze ibuyele kuthi,” utshilo uMatsha.

Inqununu ebambeleyo kwesi sikolo uAdekponya Eman uthi bafumane kuphela imali ekwishumi elinanye lamawaka eerandi kwimali engaphezu kwamakhulu asixhenxe amawaka eerandi (R755 000) ebekulindeleke ukuba bayifumane kwisebe lemfundo.

Esi sikolo sasungulwa ngonyaka ka-1855 yiBhishophu yaMatshetshi uBishophu Armstrong ngexesha elinye nesikolo iSt Andrews yaseRhini.

Bakumakhulu amathandathu namashumi amane anesibini abafundi abakwesi sikolo nesele sivelise iinkokeli ezifana nomphathiswa womkhosi kweli uNosiviwe Mapisa Nqakula.

Othethe egameni labafundi uZikhona Gladile uthi imbi imeko abafunda phantsi kwayo ngenxa yokunganikwa mali yokuncedisa inkqubo yokufunda nokufundisa kwesi sikolo.

“Esi sisikolo soluntu ngoko ke kumele ukuba sincediswa ngokucacileyo ngurhulumente, ootishala bethu badinga itshokhwe yokubhala ebhodini, iincwadi zokufunda asinazo ukusukela oko kuqale unyaka sifunda kabuhlungu apha,” ebuhlungu utshilo uGladile.

Ingxelo ithi esi sikolo besifumene amashumi asibhozo nesithoba ekhulwini (89%) kwiziphumo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo kunyaka owandulela lowo safumana amashumi alithoba anesithandathu ekhulwini (96%). Ngokwengxelo abafundi besi sikolo bafunyenwe sisifo seColera ngonyaka ka-2014 ngenxa yamanzi angacocekanga ahamba kwimibhobho emidala engasacocwayo kwezi zakhiwo zakudala.

Ukuba belungekho uncedo oluvela kwinkampani yabucala iCalabar Foundation esuka kwilizwe laseUnited Kingdom ngebunzima kakhulu ubomi kubafundi besi sikolo, othethe egameni lale nkampani uLwazi Mbambo uyacacisa,

“Sihlawula imirholo yoomama abagcina aba bantwana apha, imali yoonogada abagada esi sikolo, sincedisa ngezifundo noqeqesho lwekhompyutha ngenjongo zokwenza inkqubo yokufunda nokufundisa ibelula ebantwaneni.”

Othethe egameni lesebe lemfundo eMpuma Koloni uLoyiso Pulumani uthe: “Ndifumene isiqinisekiso esisuka kwisetyana elijongene nalo mcimbi lisithi le mali kumele ukuba ingenile ngoLwesibini wale veki.”

Sisakukroba kweli setyana sifumanise ukuba ezinye izikolo zibhatelwe kodwa iSt Matthews ibingekasithumeli isiqinisekiso ngomhla wokupapasha kwethu.

siyabulela.mqikela@inl.co.za