Uqhathwe kuFacebook, wadlwengulwa ngeValentines Day

Yinkosikazi enamashumi amathathu ubudala yelokishi yaseMotherwell eBhayi ethe yadlwengulwa yindoda ebidibene nayo kuFacebook ngosuku lwabathandanayo iValentines Day.

Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthi: “Ixhoba lidlwengulwe ngolu suku (Valentines Day) emva kwentsimbi yethoba kusasa, lidlwengulwa yindoda athe wayamkela kuFacebook akugqiba wabanobuhlobo nayo. Emva koko indoda iyalele ixhoba ekubeni kudityanwe kwa-N.U. 29 eMotherwell.”

“Indoda ixelele ixhoba ukuba ngumalume wayo ozakuza azo kulilanda kuba yena usaxakekile kodwa ngokwenene yabe iluqobo lwale ndoda kaFacebook. Le ndoda iyalele ixhoba ekubeni bangene ehlathini sele ivule isikhali, yakugqiba yalidlwengula,” utshilo uBeetge.

Umrhanelwa ubanjiwe kwaye uza kuvela kwinkundla yamatyala eMotherwell kungekudala.

UBeegte uyale abasetyhini esithi mabahlale beqaphele, bazilumkele iitshomi ezirhanelekayo kuFacebook.

Kunyaka ophelileyo, kwabanjwa indoda yaseLibode emva kokuba imeme intombazana kuFacebook apho yazitshintsha ubuso yafaka obendoda ejongekayo kuba itsala amaxhoba.

Le ndoda nayo yathi kwixhoba iza kuthumela umntu ayoyilanda kuba ixakeke emsebenzini kanti yiyo buqu, yakugqiba yalidlwengula ixhoba.