Uqhawulo-mtshato lukaKumkani luvuse ingxwabangxwaba kusapho lwasebukhosini bakwaZulu

Uqhawulo-mtshato lukaKumkani luvuse ingxwabangxwaba kusapho lwasebukhosini bakwaZulu.

Isigqibo sikaKumkani uMisuzulu sokuqhawula umtshato nenkosikazi yakhe siqinise iqela elilwela ukumsusa ebukhosini bakhe.

Ilungu eliphezulu losapho lwasebukhosini bakwaZulu, uNkosana uMazwi Zulu weNdlu yakwaMinyamanzi othathe icala lomkhuluwa weKumkani, uNkosana uSimakade Zulu, ukhwele ezehlela kuMisuzulu ‘ngokujongela phantsi nokutshabalalisa isiko lamaZulu ngokuqhawula umtshato nenkosikazi yakhe ngaphandle kokulamla,’ nathe lisiko elithe lasindisa imitshato kwiintsapho zama’Afrika kangangamashumi eminyaka.

INkosana uMazwi yinzalelwane ngqo yeNkosana uNdabuko owayengubhuti kaKumkani uCetshwayo nowalwa naye kwidabi elaziwa ngokuba yiSandlwana ngo1879.

UMazwi ebephawula ngale ngxoxo emva kokuba iKumkani ifake amaphepha oqhawulo-mtshato ifuna ukuqhawula umtshato nomnye wamakhosikazi ayo – esi sibini sinabantwana ababini.

Kumaphepha enkundla, iKumkani ithe lo mtshato ufikelele kwinqanaba lokuqhawuka kangangokuba akukho themba libambekayo lokubuyela kwawo kumtshato wesiqhelo.

IKumkani ithe ngaphandle nje kokuthetha ngemiba emalunga nabantwana, akukho nxibelelwano lubalulekileyo phakathi kwayo nenkosikazi yayo – ongachazwanga ngegama ukukhusela abantwana babo abasebancinane.

“Kangangezihlandlo ezininzi baye baneengxaki emtshatweni wabo baza bazama ukubuyisela ubudlelwane babo ngaphandle kwempumelelo. Abakhange bahlale kunye njengendoda nomfazi ixesha elide ubuncinci unyaka omnye ngaphambi kokuba kwenziwe eli nyathelo,” ifundeka ngolu hlobo amaphepha enkundla.

IKumkani icele inkundla ukuba imnike ilungelo lokugcina abantwana abasebancinci. Wenze isithembiso sokuxhasa uKumkanikazi ngemali engangeR20 000 ngenyanga kangangeenyanga ezili12 ukususela kumhla woqhawulo-mtshato.

Nangona esi sibini satshata ngokwendibanisela yempahla ngo2021, iKumkani ithe akukho mpahla kwindibaniselwano yabo kwaye sele behlule izinto zabo.

UNkosana uMazwi uthe ngokwesiko lesintu, abadala kwiintsapho bangabiza indibano ekhethekileyo ukuze balamle esi sibini ngokubahlalisa phantsi babacele ukuba banike ingxelo ngeengxaki abathe badibana nazo.

Uthe njengomgcini wenkcubeko yamaZulu, iKumkani bekufanele ukuba ngumzekelo kwaye ikhusele eli siko libalulekileyo nelibophe lasindisa imitshato emininzi ebidilika ngaphambili.

“IKumkani izilahlile iindlela zama’Afrika zokusombulula imiba yomtshato yaza yasebenzisa iindlela zaseNtshona.”

Ingcali kwezenkcubeko yamaZulu, uNjingalwazi Gugu Mazibuko. ophuma kwiYunivesithi yaseGoli umemelele abantu abadala abakwindlu yasebukhosini ukuba bangenelele basindise isidima sobukhosi.

UMazibuko uthe abantu abadala kwintsapho yasebukhosini kuquka nabasetyhini abaziintloko zamakhaya, iiKumkanikazi zongasekhoyo uNkosana uMcwayizeni nongasekhoyo uKumkani uCyprian bangaya lula kwiKumkani baxoxe nayo.

UMazibuko uthi amakhosikazi kaKumkani ongasekhoyo uGoodwill Zwelithini angathetha noMisuzulu.

“Nanjengoko sihlonipha ukuba oko ethe wathatha isikhundla sobuKumkani, ngokwenkcubeko waba ngumdala kuthi sonke singabalawulwa bakhe nokuba singakanani na ngeminyaka, xa sithetha ngemicimbi yobuqu efana nomtshato, iKumkani ingathatha iingcebiso kwabadala.

“Ingakumbi kwimiba efana nale ehlazisa isizwe, ngoko ke ndihlaba ikhwelo kumadoda amakhulu ukuba aphakame asindise isidima sesihlalo sobukhosi nesizwe samaZulu.”

UMazibuko uthe ukusindisa lo mtshato kuza kuba ngumzekelo omhle nakweminye imitshato esecicini lokuqhawuka nanjengoko kuza kukhumbuza ‘izibini zaseAfrika ukuba ukulamla phakathi kweentsapho ezidityaniswe ngomtshato kwixesha elidlulileyo kwayisindisa imitshato eqhawukayo.’

UKumkani uMisuzulu ukhuphe ingxelo ethi akazukuphawula ngakumbi ngalo mba.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.