Andazi ndinganceda njani na, kuba ke andinamava okubalekwa ngumfazi, nam andikabaleki mfazi. Kodwa kona ndixhalabile njengokuba ndibukele nje. Abafana banamhlanje bathatha ithuba elide kakhulu ukuzeka, kwaneentombi ukwenda.
Kodwa bayakhawuleza ukuwuqhawula besakuba bemanywe ngokusesikweni, akukhathaliseki nokuba intombi ibishweshwe iminyaka elishumi na ngaphambi kokwenziwa umfazi. Besakuba kunye ngokusesikweni, akubi minyaka mingaphi, ungazi ukuba kusuze thumbu lini na, baxel’ amathol’ esagwityi.
Ndirhanela ukuba batshata becinga kuza kuhlala kunjengasekudibaneni kwabo, ngethuba kuwelana iindonga. Ukuba ke kunjalo ngenene, ndicinga ukuba ndingacebisa, kuthi ke ukuba akunjalo ndife namthanyana.
Ufazana lwanamhlanje lunesikhalo sokuba amadoda amaXhosa akanathando, babe bona befuna oluya lwabantwana; amampunge wona lawo! Ndicinga ukuba kulapho ziqala khona ke ukubamuncu izinto.
Kwakuba kule ndawo ke, kubalulekile ulutsha luziqonde izigaba zokukhula komntu. Sonke siyidlalile imidlalo yexesha lethu, ngendlela eyayidlalwa ngayo ke, kodwa sibuye sakwamkela ukuba asinakuhlala emidlalweni yobuntwana sakugqiba ukukhula.
Ulutsha aluyiqondi into yokuba, njengokuba kubaluxolo nolonwabo ekungeneni emtshatweni, kubakho nexesha lamagingxigingxi. Liyagqitha ixesha lokubukana komtsha nomtshakazi, kufike elokwakhiwa komzi.
Xa kusakhiwa umzi ke ziba zininzi izikhalazo, ugxekwano lwande. Ziba ninzi iimpazamo ezidalwa kukungaqondi nabubuqiqisholo obuthi buvele.
Kuthi kuba imikhono isongiwe nemibhinqo iphezulu, kusakhiwa umzi, kuvele nentsente ebifihlakele ixesha eli. Ezi nto ke zifika ziluqongqothe zilugqibe tu uxolo nolonwabo olwalukho ekuwelaneni kweendonga, kusale unyamezelwano kuphela. Acaca kweli lixa ke amabhetyebhetye angalwaziyo unyamezelo!
Akubi kubi umlibe (xa kuthe kwakubi) emtshatweni, izinto zibuya zigude. Emva kweminyaka engamashumi amane ubudala siyaguquka isimilo somntu. Ingekuko ukubuya abe mtsha, koko kuphelelisa ingqondo ukuzenza ngenkcubeko nangocoselelo izinto. Kuguquka indlela yokucinga nokubuqonda ubomi.
Kulapho kubuya kugqame khona ke ukuhlalisana ngoxolo nangolonwabo komfazi nendoda. Kaloku ngelo lixa sukube kugqityiwe ukwakhiwa komzi, konwatyiwe ke ngoko. Kaloku imijadu yalekela isilimela!
Emva kweminyaka engamashumi amane ubudala uyaphelelisa umntu. Nebhetyebhetye, ukuba linyamezele de kwafika eli xesha liyaphumelela ukuwuhlala umzi walo.
Akusekho nalapho umntu angaqhawula athi uya khona ke kule minyaka. Elowo ucinga ngemisebenzi yakhe nangekamva losapho, akhethe ukuwusebenza ke umtshato wakhe kunokuwuqhawula.
Ubunzima bokwakha umzi budala ugxekwano. Lakudlula ke elo xesha uya kuva uMamTolo esithi “yeyise kaNgxengamasi ndithetha nawe! Uya kuthini kaloku ukudl’ imu ndithetha?” Ndiphendule ndithi “thetha maan ndiyeva, andisosithulu!” Wena mntu ke ungazi nto ungacinga ukuba kuyaxatyanwa kanti akonwatyelwanga izinto ezazilapha.
Xa nditshayisa emsebenzini ndithi “ziy’ ematholeni,” ova ngandleb’ enye acinge ndithi ndiy’ ebantwaneni, kanti ndiya kunina wabo. Ndithetha ngathi ke mna andithethi ngooswiti nangoolavi, ndiqinisekile bona banendlela yabo yokuthetha.
Mandulo phaya ke abafana bebefunduswa esuthwini ngentlalo yosapho, iintombi kwantonjane. Nangona zisekho nje ke ezo nto, kodwa kuyabonakala ukuba azisayifezi le ndawo. Zifeza yiphi ke?
Malazi ke ngoko ulutsha ukuba akudliwa lekese lonke ixesha kwintlalo yomtshato. Ukwenza abantu ababini umnt’ omnye asindlwan’ iyanetha. Kwaye abantu bohlukene nje ngezimvo bakwadingana.
Leyo ke yimvelo yomntu embaxa. Kuyathengwana emtshatweni batsha nani batshakazi, ngezinzima nangezilula iindawo.
Uthando asinto uzalwa nayo, lungeyiyo nanto yomlomo, koko zizenzo! Goba msenge iibhokhwe zikudle!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi