Uqhubela phambili uSANRAL nolwakhiwo lukaN2 Wild Coast Road

Umfanekiso: Uthunyelwe

Ulwakhiwo lwendlela enguhola kulindeleke ukuba liqhubele phambili futhi ludale nentaphane yamathuba oshishino kwiphondo leMpuma Koloni. Oku kuthethwe yingqonyela kaSANRAL, uMnu. Skhumbuzo Macozoma, entlanganisweni ebingoLwesithathu kwiveki ephelileyo eLusikisiki.

Sekulithuba elide kakhulu indlela eselunxwemeni ecetywayo (N2 Wild Coast Road) kuthethwa ngayo. Kubekho ulibaziseko kulwakhiwo lwayo ngenxa yabantu ababe phikisana nokwakhiwa kwayo kummandla wasemaMpondweni (Lusikisiki) ngelithi (ulwakhiwo) luza kuphazamisa indalo.

Indlela iza kudibanisa amaphondo amane aquka iMpuma Koloni, iKwaZulu-Natal, iNtshona Koloni neMpumalanga. “Thina singuSANRAL sizimisele ukuyenza indlela (N2 Wild Coast Road) eza kufunqula uqoqosho lwelizwe idale namathuba oshishinino emva kweKhorona egubungele eswantsulisa ihlabathi lonke,” utshilo uMacozoma.

“Le ndlela entsha iza kukhulisa ukhenketho ngendlela emangalisayo phakathi koMzantsi Afrika namazwe asebumelwaneni. Amashishini asakhulayo aza kuxhamla aqeshe nabantu – kodwa akuphelelanga apho, zininzi iimveliso zeenkampani ezizimeleyo eziza kuhanjiswa kuyo zisuka kwezinye iindawo. Seso sizathu esibangele singakwazi ukuyiyeka le ndlela njengokuba bekukho iingxaki ebesijongene nazo eziqingqithe iminyaka emininzi. Yona indlela (N2 Wild Coast Road) siza kuyakha futhi siza kuyigqiba eminyakeni embalwa ezayo,” utshilo uMacozoma.

Imali ekulindeleke ukuba ixhanyulwe ngamashishi amancinci kulwakhiwo lwendlela iqikelelwa kwiibhiliyoni ezine zerandi (R4-billion). “Abachasi bendlela ababekhala ngokufa kwendalo zange baqonde ukuba kuza kufunquka uqoqosho kule ndawo kuxhamle nabantu abaninzi,” utshilo uNksz. uNokuzola Capa, olisekela-mphathiswa wesebe lamashishini asakhulayo (Deputy Minister of Small Business Development). UCapa uqinisekile abanikazi bamashishini amancinci ngelithi isebe lakhe likulungele ukubaxhasa watsho ecela bonke abantu ukuba bathethe nesebe xa kukho ingxaki.

Usodolophi wase-O.R.Tambo District Municipality, uNksz. Thokozile Sokhanyile, uthe intlanganiso iza kuncedisa kuphuhliso lweendawo zokuhlala watsho ecenga abanikazi bamashishini ukuba basebenzisane noSANRAL norhulumente wephondo. “Abanikazi bamashishini eLusikisiki kufuneka babumbane. Xa bethetha noSANRAL norhulumente kufuneka bathethe ngazwinye,” utshilo uSokhanyile.

UMphathi kaSANRAL wesithili, uMnu. Mbulelo Peterson, uthe: “Kufuneka sibe nesethu isicwangciso sokuvuselelwa koqoqosho njengoko wayetshilo uMongameli uCyril Ramaphosa. Ulapha ke uSANRAL, uzokuxhasa uphuhliso ngokwakha iziseko zoqoqosho ezifana neendlela. Siyalixhasa icandlelo lokwakha singuSANRAL ngoba libalulekile kwaye sifuna nokuxhasa amashishini wabantu abamnyama abaza kusebenza kulwakhiwo lwendlela.”

Sele etyikitye isivumelwano uSANRAL namashishini amakhulu, aquka uBELL, uBarloworld, uWIRTGEN, uPilot, uCrushtec, uNAFBI noSAFCEC, aza kusebenzisana nawabantu abamnyama. Indlela iza kuphincela kwiindawo ezifana noMthatha, eMonti, eThekwini, iErmelo, eKapa, eGeorge naseGqeberha.

Iibhulorho ezinkulu eziza kwakhiwa zimbini, kuphinde kubekho nezisixhenxe ezincinci. Ezona ndawo eziza kuchaphazeleka kakhulu lulwakhiwo ziphantsi kwePort St Johns Municiplaity, iWinnie Madikizela-Mandela Local Minicipality ne-Ingquza Hill Local Municipality.