Izandyondyo zemvula ezibangela ukubhubha kwabantu abalishumi elinanye zishiye umonakalo oqikelelwa kwiibhiliyoni zeerandi kuMasipala wesithili saseNelson Mandela Bay. Idolophu yaseKariega ithwaxeke ngamandla zezi zandyondyo ukusukela kwiintsuku zokuqala zale nyanga.
Izindlu, iindlela neengcingo zombane nonxibelelwano zichaphazeleke ngamandla kule meko.
Ngabantu abakumawaka amathathu ekuthiwa bachatshazelwe ngamandla zezi zandyondyo kwingingqi yaseNelson Mandela ukusukela oko ziwile ezi mvula.
Iidolophu ezikufutshane eziquka ezo zikufutshane nohola wendlela uN2 zichaphazeleke ngoku mandla.
URhulumente kazwelonke uthumele ngokungxamileyo igqiza lamagosa aphuma kwiziko elijongene neentlekele kuzwelonke ukuba ayekuqwalasela le meko eNelson Mandela Bay.
UShadrack Sibiya ophuma kuMasipala wesithili saseNelson Mandela Bay uthi zikho intshukumo esele ziqalile ukuzama ukunceda amaxhoba .
“UMasipala waseNelson Mandela Bay uchazwe njengengingqi yentlekele ngenxa yesi sehlo sezi zandyondyo, ngoko ke kusadityaniswa izinto ezizakuba luncedo kumaxhoba,” kutsho uSibiya.
UMongameli uCyril Ramaphosa kulindeleke ukuba atyelele eGqeberha ukuya kuzibonela ngokwakhe umonakalo obangelwe zizandyondyo zemvula.
UMasipala waseBuffalo City naye uchaphazeleke ngamandla zezi zandyondyo ngokukodwa iindawo zamatyotyombe.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike