UQoboshiyane ushicilele ingoma

UMphathiswa wezamaphandle kunye nohlenga-hlengiso lwemihlaba uMlibo Qoboshiyane, ungene kumagumbi okushicilela iingoma ngentsasa yayizolo ezokushicilela ingoma.

Kule ngoma, uQoboshiyane wenza intetho etsala imizuzu engama-45, nalapho athi ucenga uSombawo ukuba athobe imvula.

UMphathiswa uncokole nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, nebeliyinxalenye yolu shicilelo. Uthi le, yindlela yokudomboza kulowo unamandla onke: “Nanjengoko usazi ukuba eli phondo noMzantsi Afrika jikelele uthande ukuthwaxwa yimbalela, inye ke imbangi yokudliwa kobu bomi, yinto yokokuba kube namaxesha okunika idolo ukutya kwalo. Sicele uSombawo noMdali weli hlabathi ukuba asincede asiphe imvula.”

“Besizokuthi, mphunga yonyus’ amafu nawe zintaba, ukwenzel’ into yokokuba amafu ayithobe imvula,” utshilo uQoboshiyane.

UMphathiswa uthi ngaphandle kwemvula, asinabo ubomi. “Kubalulekile nokuba sonwabile, siyacula, siva kamnandi ezimpilweni zethu, kodwa ukuba asinayo imvula, abukho ubomi kuthi, ukuba imvula ayikho, ziyafa neenkomo, utyani, akukho noshishino olo,” uthethe watsho.

UQoboshiyane uthi imvula ifanele ukuthandazelwa, yakubakho iphinde ibulelwe. “Akubakho loo mathontsi kufuneka siwagcine ukuze uhlanga notyani lungapheli,” utshilo.

UMphathiswa uthi ingoma ngowona mbhombho ofanelekileyo wokugqithisa lo myalezo wesebe lakhe eluntwini. “Sesiphawule into yokokuba izinto ezininzi azenzeki ngelizwi lerali kuphela, bendingenokukwazi umzekelo ukubiza abantu abanokumamela ezi ngoma ezimotweni zabo, besiya ezinkonzweni kwiindawo zolonwabo njalo njalo.”

Uphinde wavakalisa ukuba unethemba lokuba amacwecwe ale ngoma azakungena kwiindawo zonke ukuze umyalezo usasazeke. Uthi * -90% womculo walapha ekhaya ofunwayo, mayibe ngu-90% womyalezo olungileyo. UQoboshiyane uthi, lo myalezo uqonde ngqo kulutsha, nabo bathi baphulaphule umyalezo bawuve engomeni.

Le ngoma, neshicilelwe phantsi kwenkampani kaSivuyile ‘Vovee’ Batala, iVovee Music, iculwa ngamazwi wenye yeemvumi eziphantsi kwale nkampani yakhe, uJoseph Mosala.

UVovee Batala uthi le ngoma ithi “Let It Rain” ithabatha imizuzu emine. UBatala uthi bekufanele kudombozwe kuSombawo kuba eli lithwaxwa yimbalela.

“UMphathiswa uQoboshiyane uzokunika uluntu umyalezo wemvula, nanjengoko sisazi ukuba eli phondo belikhe lathwaxwa yimbalela.”

Le ngoma kulindeleke ukuba iphume ngoLwesine, nalapho izakuvakala koonomathotholo beli.