Uqoqosho ngoMaqoma kwiNtaba kaNdoda

Iinkosi nabaphathiswa apho bekutyhilwa ilitye lesikhumbuzo sikaNkosi uMaqoma kwiNtaba kaNdodaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

YINTABA yenqaba eyayikwayindawo enyulu ngenxa yegalelo layo kwimbali yesizwe sakwaXhosa, kodwa ngoku iinkquleqhu zezokuba mayijikwe yenziwe indawo yamathuba ezoqoqosho.

Lo ngumbono karhulumente waseMzantsi Afrika, phantsi kweemfefe zesebe lezobuGcisa neNkcubeko.

NgoLwesihlanu weveki ephelileyo, uSekela Mphathiswa wezobuGcisa neNkcubeko uMaggie Sotyu, utyelele iNtaba kaNdoda kuQoboqobo eyokuvula ngokusesikweni ilitye elinembali equlethe uNkosi Jongumsobomvu Maqoma owazibalula ngokusebenzisa le ntaba esilwa nemikhosi yoontamolukhuni baseBhritane.

UMaqoma, uzalwe ngo1798 wabhubhela eRobben Island ngo1873 emva kokubanjwa ngoongqondongqondo bocalucalulo.

USotyu uthi le ntaba iqulethe imbali engathethekiyo. “[Okwangoku] besizokutyhila ilitye elinembali ngoNkosi Maqoma, okulandelayo iza kuba kukutyhila ilitye elinengcwaba lale nkosi. Ukutyhila ilitye lengcwaba kuneenkqubo ekufuneka sizilandele. Into eza kulandela emva koku, kukudiza le Ntaba kaNdoda njengesiza sokulilifa lesizwe,” utshilo uSotyu.

USotyu uthi ukudizwa kwale ntaba njengesiza sokulilifa lesizwe, kuza kulandela imigushuzo yezoqoqosho.

“Xa sekunjalo, amasebe amaninzi aza kuba yinxalenye nale nkqubo. Into esifuna ukuyibona apha, kukuba kubekho amathuba ezoqoqosho kule ntaba. Umntu oze apha makaxhamle ngezoqoqosho. Le ntaba yaziwa kwihlabathi jikelele kuba kulapho koyiswa khona abelungu yimikhosi eyayikhokelwa nguNkosi Maqoma.”

“Ngethuba ndandikumsitho wesifundo sokukhumbula uNkosi Maqoma ndavakalisa ukuba ndafunda nto ngexesha ndityelele eGhana naseSenegal. Kula mazwe ndandiyokubona ukuba iindawo eziyimbali baziqaqambisa kanjani. Ndafumanisa ukuba yinto ethathelwe phezulu amaziko embali kula mazwe,” kutsho uSotyu.

Ingqonyela yeJongumsobomvu Maqoma Foundation, uVuyo Fani, okwalilungu losapho, uthe: “Ngoku sibhala ngokutsha imbali kaMaqoma. Sifuna ukufundisa ulutsha ngegalelo likaMaqoma kwimbali yeli. Enye esifuna ukufundisa abantu ngayo ziindlela zokuphila thina bantu abamnyama.”

“Abelungu basibulala ingqondo bayikhupha yonke indlela esasiphila ngayo. Abantu abamnyama babenembeko behlonipha, yonke le nto yamoshwa ngabelungu,” utsho uFani.

UFani uthi uluntu lweli alunalwazi luphangaleleyo ngembali yalo kuquka nangembali yeNtaba kaNdoda, apho uluntu lwalucela kuyo imvula mhla ngembalela.

“Ngokwembali ngale Ntaba kaNdoda, uKumkani Phalo wayenoonyana ababini uGcaleka noRharhabe. Ekukhuleni kwabo wafumanisa ukuba abanokuphatha bobabini wathumela uRharhabe kweli cala.

“URharhabe wafikela kule Ntaba kaNdoda. Wafika apha kukho uNdoda owayeyinkosi yamaKhoi ngelo xesha, ze kwavunyelwana ukuba uRharhabe nguye oza kuba yiKumkani,” utshilo uFani.

UFani ukwavakalise ukuba amanyathelo okothulela umnqwazi imboni uCharity Sonandi, waseNcembu eUgie, owavumisa amathambo kaMaqoma eRobben Island ngo1978, aqhubela phambili.

“Umama uCharity Sonandi owayeyiAlbino eyimboni, wancedisa kumsebenzi wokuphuthunywa komoya namathambo kaMaqoma eRobben Island waziswa kule Ntaba kaNdoda. Sifuna ukukhumbula igalelo lalo mama kuba namhlanje sinengcwaba likaMaqoma ngenxa yokuvumisa kwakhe.”

Ingxelo ithi umzukulwana kaNkosi Maqoma, uLent Maqoma, waba nemibuzo malunga nendawo alele kuyo amathambo kaMaqoma, uluntu lwamaJingqi lacebisa ukuba aye kuvumisa kumama uSonandi.

“Ukufika kwabo kulo mama wabaxelela ukuba ingcwaba likaMaqoma alikho kumangcwaba abhaliweyo eRoben Island, wabaxelela ukuba elakhe baza kulibona ngokuthi xa bemi phezu kwalo kuza kunetha imvula, xa beligrumba baza kufika ebotshwe ngamatyathanga, wathi baza kubona umngxuma wembumbulu egxalabeni lakhe,” uFani waxelela I’solezwe kwingxelo yanyakenye.