Uqoqosho nokufikelela kwimarike

Ukufikelela kuqoqosho, kuthetha ukufikelela kwimarike yokuthengisa imveliso leyo uyizuzileyo. Singakuthetha konke esifuna ukuthetha malunga nobunganga bokuxhamla kuqoqosho lwelizwe, kodwa ukuba imarike ayivulelekanga, oko kwenza kube nzima ukubona inkqubela yemveliso leyo.

Naphaya ezilalini, kumathuba kanye eentselo zemiqombothi, uye uve xhego lithile licela ukuba kumiswe.

Kwezi vekana zidlulileyo, kwenye yeelali zaseDutywa, kuvakale gatyana lomfana limisa kwindlu yentselo. “Uxolo! Ukhona utata ofuna ukuthetha.” Lithethile ngenene ixhego, lichaza ngenkabi yalo yenkomo esele ikwixabiso lokuxhelwa. Isizathu sokuba lo tata ade amise echaza ngokuchitha inkabi yakhe kukuba akululanga ukufikelela kwimarike. Uqoqosho oluza ngenxeni yokufuya yintsika yokuphila kwabantu baseMpuma Koloni.

Oku kungqinwa naliZiko leeNkcukacha Manani loMzantsi Afrika (Statistics South Africa). Ngonyaka ka-2013, abakwaStats SA, ngokukhokelwa yingqonyela yabo uPali Lehohla, batyelela iKomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyana beyokukhupha ingxelo yabo yobalo-zilwanyana eyayenziwe ngo-2011.

Ngenene le ngxelo yavelisa ukuba iphondo leMpuma Koloni lelona liphala phambili ngokwamanani okufuywa kweenkomo, iigusha neebhokhwe kwilizwe liphela. Umasipala waseMbhashe wafunyaniswa njengeyona ndawo iphala phambili ngokofuyo lweenkomo, iigusha neebhokhwe ephondweni.

“Zindaba ezimnandi ezi, sicela urhulumente asincedise ngemarike yokuthengisa xa sifunayo,” waphendula ngelitshoyo uKumkani wamaXhosa uMpendulo Sigcawu. Yiyo le nto kufanele siyamkele intsebenziswano etyikitywe lisebe lophuhliso lwamaphandle ephondweni kwakunye nevenkile yakwaBoxer eMpuma Koloni. Ngokwesi sivumelwano, amafama asakhasayo eli phondo aza kukwazi ukuthengisa imveliso yawo kule venkile.

Iivenkile ezingamashumi amathathu anesixhenxe (37) zakwa-Boxer kweli phondo ziza kuthenga imveliso yala mafama. Akwaba nezinye iivenkile ephondweni zingabonela kulo msebenzi mhle kangaka, khon’ ukuze amafama ayeke ukusokola imarike.