URamaphosa axhome ibhatyi?

Ingathi bekuyizolo sicula oo “Thuma mina!” – kukhangeleka ngathi utshintsho luyeza kweli. Kulo lonke olo vuyo wona amaxabiso ezinto ebesonyuka ecaleni, ingakumbi umbane nepetroli.

Siye sahlala ethembeni nangoko. Kukho uluvo oluthi “sivuyela nje ukuba uZuma emkile!” Kanti kungentsuku zatywala kwakuvela amabibi alo mongameli mtsha. Kuya kucaca okwekati ehlungwini ukuba umongameli lo zange aluphumelele ngendlela ecocekileyo ulonyulo lwakhe lokuba ngumongameli weANC.

Ngokwephepha lethu, iSunday Independent, wahlawula imali engangeR1.5million kwinkampani yamagqwetha awaziwa njengeNgwenya and Zwane Attorneys. Bathi abagxeki bakaRamaphosa la magqwetha abhatalelwa ukudala iyantlukwano eninzi kwaZulu Natal.

Ininzi nje into ethethwayo neemali awathi wazibhatala amalungu eEFF kwakunye noonondaba ukuba kubhalwe kakuhle ngaye. Kuphinde kubekho noosomashishini babucala abafaka imali yenkxaso kwiphulo likaRamaphosa lokuba ngumongameli. Abanye bayifaka loo mali emva kokuba lugqityiwe ulonyulo.

Njengabantu abampha imali, basuke bafumana izikhundla nezivumelwano zoshishino ezintle kakhulu ngexesha lolawulo lukaRamaphosa.

Asinokuthi aba bantu babemnyoba? Asinokugqibela ngokwethu mfundi wephepha. Kodwa, kungaqhuma ikhona nje into etshayo. Into ekufuneka siyazi yeyokuba aba bantu siye sibonyule njengeenkokheli zethu bakwayiyo le nto siyiyo.

Ukuba sithi babolile, sibole thina kuqala. Ngoko ke singathi makagxothwe uCyril Ramaphosa? Ayihambi kanjalo nale nto sithi yipolitiki na kakade?

Kufuneka siluluntu siqale ukuzibuza imibuzo enzima ngohlobo lweenkokheli esizifunayo. Akekho ubhetele kunomnye kwisikhokelo seANC.

Bonke bazokutya okanye bazokutyisa abanye. Lithuba labo lokutya okwangoku. Thina masibukele. Okanye siyitshintshe yonke lo nto, sithathe inxaxheba kwipolitiki siluluntu.

Abahlali baqale pha koomasipala, kulungiswe. Sonyuke siyokutsho nakwimibutho yepolitiki. Ikamva lethu lisezandleni zethu. Le yokube sigxotha oko, ayizosinceda. Masincediseni.