Usekela mongameli we-ANC uCyril Ramaphosa uthi impumelelo ye-ANC kunyulo loomasipala ixhomekeke ekusebenzeni kwamalungu alo mbutho.
URamaphosa uchithe iintsuku ezimbini kumhlaba wamaMpondo egayela inkxaso i-ANC. Ngosuku langoLwsihlanu uRamaphosa udibene noosomashishini balo mmandla waze ngoMgqibelo wadibana nenginginya yabahlali base-Alfred Nzo kumabala iMphuthumi Mafumbatha eMbizana.
Ngethuba esenza intetho yakhe okaRamaphosa ukubeke kwacaca ukuba impumelelo ye-ANC ixhomekeke kumalungu alo mbutho asebenza ngokuzimisela engajonganga nzuzo.
OkaRamaphosa uxelele iinkokheli ze-ANC ukuba kufuneka ziphulaphule abantu kungabizizo ezixelela abantu.
“I-ANC ifuna iinkokheli ezikhethwe ngabantu, hayi iinkokheli ezikhethela abantu,” uRamaphosa utshilo.
Ethetha ebhekise kwimibutho ephikisayo efuna ukuthatha oomasipala abambaxa okaRamaphosa uthe, i-ANC ayinalo novalo oluncinci.
“Siyabeva besithi bafuna ukuthatha iNelson Mandela Metro, bathi bafuna ukuthatha neTswane, hayi asiboyiki bayaphupha,” utsho uRamaphosa.
Lo msitho kaMayihlome ubuzinyaswe yinkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle, usodolophu we-O.R.Tambo uNomakhosana Meth, usihlalo we-ANC e-Alferd Nzo uSixolile Mehlomakhuli kuquka zonke iinkokheli zamasebe ase-Alfred Nzo kunye neziphaluka.
isibhalo@inl.co.za
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro