URamaphosa noZuma baxhwithana ngoHintsa

I-ofisi kaMongameli Jacob Zuma ibonakalise umdla wayo kumcimbi wesikhumbuzo seKumkani yamaXhosa uHintsa nekulindeleke ukuba siqhutywe ngomso eGcuwa.

Oku kudizwe likomkhulu lamaXhosa eNqadu ngelithi abanalo igama likaZuma kwabo bazakuba zizithethi zembeko kulo mcimbi.

Othethe egameni lela komkhulu uNkosi Phathuxolo Tyhali uyacacisa: “Sifumene umnxeba ovela kwi-ofisi kamongameli Zuma, besithi umongameli unqwenela ukuba yinxalenye yalo mcimbi, kuluhlu lwethu sele simeme usekela-mongameli uCyril Ramaphosa,” uthethe watsho uTyhali.

Uthi bawaxelele amagosa we-ofisi kaZuma ukuba akukho nguqu zizakwenziwa kuluhlu lwabamenyiweyo.

“Le yinyanga awabhubha ngayo uKumkani uHintsa ngoko esi sikhumbuzo sisenze sangqamana nenyanga yokubhubha kwakhe,” uthethe watsho uTyhali.

Eli komkhulu libambisene neKholeji ebizwa ngokuba yiKing Hintsa bacoce ingcwaba likaZanzolo kwiveki ephelileyo.

Ngomhla weshumi elinesibini kule nyanga kaCanzibe, kulindeleke ukuba kuqhutywe isifundo sokukhumbula le ngonyama yesizwe samaXhosa.

“Injingalwazi uNcedile Saule uzakube esenza intetho ephambili kulo mcimbi eGcuwa; apho kwakume khona ikomkhulu likaHintsa,” ucacise watsho uTyhali.

Ingxelo ithi oosomashishini abasuka kumbutho weNafcoc eMpuma Koloni, iiKumkani kunye neeNkosi kulindeleke ukuba zibe yinxalenye yalo mcimbi. “Silindele impendulo ezivela kubo bonke abo besibamemile ukuba beze kuba yinxalenye yalo mcimbi,” uthethe watsho uTyali.

Urhulumente weMpuma Koloni kulindeleke ukuba abe yinxalenye yalo mcimbi wokukhumbula le Kumkani. “Inkulumbuso kunye nabaphathiswa bephondo balindelekile kuba nabo sizithumele izimemo kubo,” uthethe oko uTyhali.

UKumkani uHintsa wazibalula ngokukhusela umhlaba wesizwe sakhe kwade kwangumzuzu wokugqibela.