URamaphosa ubalule amanyathelo okulwa izehlo zokubhubha ezibangelwa kukutya

UMongameli uCyril Ramaphosa ngethuba ebethetha nesizwe malunga nempendulo karhulumente kwizehlo zezifo ezibangelwa kukutya eziqatseleyo nezisube imiphefumlo yabantwana kweli. Umfanekiso: Siyabulela Duda.

UMongameli uCyril Ramaphosa uthethe nabemi boMzantsi Afrika ngorhatya lwangoLwesihlanu esabelana ngempendulo karhulumente kwizehlo zezifo ezibangelwa kukutya ezisube imiphefumlo yabantwana.

UMongameli uthe ukusukela ekuqaleni kweyoMsintsi kulo nyaka, zizonke izehlo ezixeliweyo zezifo ezibangelwa kukutya zingama890 kuwo onke amaphondo.

“Amaphondo aseGauteng neKwaZulu-Natal ngawona achaphazeleka kakhulu, iLimpopo, iFreyistata kunye neMpumalanga nazo zibenenqwaba yezehlo.

“Kwezi veki zimbalwa zidlulileyo, izigulo ezibangelwa kukutya ziye zasuba imiphefumlo yabantwana belizwe lethu abangama22 ubuncinci. Kwinyanga ephelileyo bekukho isiganeko esikhulu eNaledi, eSoweto, apho kuye kwabhubha abantwana abathandathu. Oyena mncinane kwaba bantwana ebeneminyaka nje emithandathu,” utshilo uRamaphosa.

Uthe amaqela ohlukeneyo karhulumente asebenzisana ukujongana nezi ziganeko kwaye ikhabhinethi idibene izihlandlo ezithathu ukufumana iingxelo zala maqela ngezi ziganeko.

Uthe iziko lezifo ezosulelayo kuzwelonke, iNational Institute for Communicable Disease, lacelwa ukuba lenze uvavanyo lwezenzululwazi kwaye lifumanise ukuba iTerbufos, ikhemikhali eyingozi kakhulu esetyenziswa njengesibulali-zinambuzane, ngunobangela wokubhubha kwabantwana abathandathu eNaledi, eSoweto.

EMzantsi Afrika, iTerbufos ibhaliselwe ukusetyenziswa kwezolimo. Akuvumelekanga ukuba ithengiswe ukuba isetyenziswe emakhaya.

“Nangona kunjalo, iTerbufos ithengiswa ngokungekho sikweni kwaye isetyenziswe ezilokishini nasematyotyombeni ukuze kuthintelwe iimpuku,” utshilo uRamaphosa.

Wongeze wathi, iisampulu zithathwe kwiivenkile ezingama84 kwingingqi yaseNaledi. Kwezi venkile, ezintathu zazineTerbufos.

“Emva kovavanyo, ipakethi yeetships efunyenwe komnye wabantwana abaswelekileyo yayineTerbufos ngaphakathi nangaphandle kwepakethi,” utshilo.

Ukwathe ukusetyenziswa ngokungekho mthethweni kwezibulali-zinambuzane ezingavunyelwanga ekuhlaleni kube yingxaki ekhulayo.

“Kwiilokishi ezininzi ikhemikhali iAldicarb, nenye eyaziwa ngokuba yiGalephirimi, zidla ngokuthengiswa ngabathengisi basesitalatweni bathengisele abantu abaneengxaki neempuku emakhayeni abo.

“IAldicarb yayekiswa ukuba isetyenziswe eMzantsi Afrika ukususela ngo2016. Kulo nyaka uphelileyo, abantwana abathathu base-Ekurhuleni kunye nabantwana abathathu baseSoweto basweleke emva kokuchanabeka kwiAldicarb,” utshilo uMongameli.

Wabelana ngala manyathelo aza kuphunyezwa ngokukhawuleza:

  • Iivenkile ebezibandakanyeka ekubhubheni kwabantwana ziza kuvalwa kwangoko.
  • Zonke iivenkile kunye nezinye iindawo zokutya kufuneka zibhaliswe koomasipala apho baqhuba khona amashishini kwiintsuku ezingama21 ukususela namhlanje (NgoLwesihlanu). Nayiphi na ivenkile engabhaliswanga kwisithuba seentsuku ezingama21 nengafezekisi yonke imigangatho yezempilo kunye neemfuno iya kuvalwa.
  • Amapolisa kunye nabanye abezomthetho baya kufuneka baphande, babambe kwaye batshutshise abaphuli-mthetho. Oku kuya kubandakanya intsebenziswano esondeleyo nabo bonke abavelisi ababhalisiweyo kunye nababoneleli bokutya.
  • Amaqela ahlukeneyo okuhlola aya kuhlola ukuthotyelwa kwemithetho kwiindawo zokutya, abavelisi, ababoneleli, iivenkile ezithengisa izixa ezikhulu zeemveliso kunye nabathengisi. Oku kuya kubandakanya iivenkile zasekuhlaleni ngokubanzi.
  • Amashishini angayithobeliyo imithetho kunye neevenkile ezinxulumene nazo naziphi na izehlo zetyhefu okanye ezifunyaniswe zigcina imichiza eyingozi ngokungekho mthethweni ziya kuvalwa.
  • Iphulo elikhulu lokuhlola zonke iivenkile, kunye nabanye abarhwebi abangekho sikweni liza kwenziwa, kuqalwa ngeGauteng naKwaZulu-Natal.

Uthe xa kuqala unyaka wesikolo omtsha, iSebe leMfundo esiSiseko namaBhunga oLawulo lweZikolo (SGBs), libambisene neSebe lezeMpilo, baza kuphonononga kwaye bahlaziye izikhokelo zezikolo ngolawulo lwababoneleli ngokutya kwizikolo zikarhulumente – oku kuya kuquka iivenkile zasezikolweni.

Abantu bayabongozwa ukuba baxele ukutya komgunyathi kunye nokutya okuphelelwe lixesha okuthengiswa ekuhlaleni kwiKomishoni yabaThengi kuZwelonke kule nombolo 012 065 1940.