URamaphosa ufuna amagama wabanikwe iithenda zeePPE

UMongameli Cyril Ramaphosa UMFANEKISO: ANA

UMONGAMELI Cyril Ramaphosa ngoLwesine ubhengeze ikomiti yeqela labaphathiswa abathandathu bokujongana nezityholo zobuqhophololo ngokumayelana nomsebenzi karhulumente wokuqubisana nentsholongwane yeKhorona.

 

Aba baphathiswa, abakhokelwa nguMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko, uRonald Lamola, baza kujongana nemiba yobuqhophololo obenzeke ngexesha lokuthengwa kwezixhobo zokuqubisana neCovid-19. Ezi zixhobo ziquka izikhuseli (PPEs).

 

URamaphosa ucele aba baphathiswa ukuze baphande ingcombolo malunga namagama eenkampani kwaneenkcukacha zeethenda nezivumelwano ezithe zakhutshwa ngamasebe karhulumente kazwelonke, awephondo kwanaqumrhu karhulumente kweli xesha likaxakeka elizweni.

 

UMongameli ukwayalele ukuba uluhlu lwabo bafumene ezi thenda nezivumelwano kufuneka luthunyelwe kwaba baphathiswa kule veki.

 

URamaphosa ulumkise ngelithi iziphumo zakuba krakra kwabo bophule umthetho. “Abantu baseMzantsi Afrika bafuna inkcazelo eyaneleyo kwabo babonyulele ukuba zizicaka zabo,” utshilo uRamaphosa.

 

Le komiti yakhiwe nguLamola njengosihlalo, uMphathiswa kwiOfisi kaMongameli uJackson Mthembu, uMphathiswa wezeMali uTito Mboweni, uMphathiswa wezamaPolisa uBheki Cele, uMphathiswa weeNkonzo zoLuntu noLawulo uSenzo Mchunu kwanoMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento kwaneMicimbi yeeNkosi uNkosazana Dlamini Zuma.