URamaphosa ukhahlela kuZwelonke, emnika umngcwabo wezitatanyiswa ezikhethekileyo

IKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu okhothamileyo UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMongameli Cyril Ramaphosa uchaze iKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke njengenkokheli “ephume izandla ekhokele abantu abantu bayo ngokuzinikela okungajonganga nzuzo”.


URamaphosa ukwadize ukuba uthi iKumkani iza kunikwa umngcwabo waseburhulumenteni okwibakala lezitatanyiswa ezikhethekileyo.

URamaphosa, oza kuzimasa umngcwabo weKumkani eNqadu kuGatyana kuLwesihlanu weveki ezayo, ubhengeze ukuba iKumkani iza kunikwa umngcwabo webakala leSpecial Official Funeral Category 1. 

Eli bakala linikwa abantu abahloniphekileyo elizweni kwaye liquka ukukhokelwa komngcwabo ngamajoni.

Kusenjalo, iNkulumbuso yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi bekubanjwe indibano ekhethekileyo ngurhulumente wephondo ngoLwesithathu ukulungiselela umngcwabo.

“Indima karhulumente wethu kumalungiselelo alo mngcwabo kukuncedisa usapho neKomkhulu ngenkxaso ukusukela kwixesha lenzilo ukuya kumhla womngcwabo. Okona kuphambili kuthi njengorhulumente wephondo kukuqinisekisa ukuba iKumkani inikwa umngcwabo ondilisekileyo,” utshilo uMabuyane.