URamaphosa umemelela kuluntu eKZN ukuba luzikhwebule ekujongeleni phantsi ingalo yomthetho

UMONGAMELI Cyril Ramaphosa umemelele inzolo kwiphondo laKwaZulu-Natal kulandela udushe olubangele ukutshiswa kwezithuthi kwanokuqhekezwa kwamashishini, kwinto ekholeleka ukuba ibangelwe yingqumbo yokuvalelwa ejele kobesakuba nguMongameli weli, uJacob Zuma.

Uqhankqalazo kwiindawo ezahlukeneyo eKZN luqale ngoLwesine, usuku lokuqala lokuvalelwa kukaZuma odontsa isigwebo seenyanga ezilishumi elinesihlanu.

Isithuthi samapolisa akwaMasipala kwiNdlela iAlpine, eSpringfield eKZN, ngethuba sicoca emva kodushe lwabahlali UMFANEKISO: Shelley Kjonstad / African News Agency (ANA)

Oku kuza emva kokuba uZuma efunyenwe enetyala lokutyeshela umyalelo weNkundla yoMgaqosiseko wokuba makayovela phambi kweKomishini yokuPhendla ukuDlakatheliswa koMbuso, ekhokelwa nguRaymond Zondo.

URamaphosa umemelele kuluntu laseKZN ukuba luzikhwebule ekujongeleni phantsi ingalo yomthetho kwanokudodobalisa uqoqosho.

UMongameli uthi izizathu ekurhaneleka ukuba ziphembelele olu dushe eKZN azinakusetyenziswa njengekhubalo lokonakalisa kwanokudala udushe esidlangalaleni.

“UMgaqosiseko uwakhusele amalungelo okuqhankqalaza kodwa uqhankqalazo alunakusetyenziswa gwenxa ukuze kophulwe umthetho okanye kutshatyalaliswe iimpahla futhi kugrogriswe neempilo zabantu.

“Izehlo zolwaphulomthetho mazigagane nengalo yomthetho,” itshilo iOfisi kaMongameli, yatsho ibulela amapolisa ngeenzame zawo zokuqubisana nolu dushe.

Bangaphaya kwamashumi amabini abantu abasele bebanjiwe malunga nolu dushe laseKZN.

INkulubaphathiswa yaseKZN, uSihle Zikalala, naye umemelele inzolo emva kwezigrogriso zokuvalwa kweentshukumo kwela phondo.