URamaphosa usola amasebe ‘abuthathaka’ eANC ngeziphumo zolonyulo

UMongameli uCyril Ramaphosa esenza intetho ephambili kumsitho wokuzalwa kwalo mbutho weminyaka eli113 kumabala emidlalo eMandela Park eKhayelitsha. Umfanekiso: Ayanda Ndamane / Independent Newspapers

Nangona iikomiti ezilawulayo zephondo laseGauteng neKZN zijongene nokuqhawuka, uMongameli weANC uCyril Ramaphosa usola amasebe ombutho esithi ngawona nobangela wokuba umbutho weANC ungaphumelelanga kunyulo lukazwelonke nolwephondo ngomhla wama29 kuCanzibe ngo2024 kuba ‘abuthathaka’.

URamaphosa ebesenza intetho yakhe (January 8 statement) kumabala emidlalo eMandela Park eKhayelitsha, eKapa apho iANC ibibhiyozela iminyaka eli113 eKapa.

Uye wachaza ezinye zezizathu ezibangele ukuba lo mbutho ungaluphumeleli ulonyulo.

Uthe ukunqongophala kokunikezelwa kweenkonzo ezisisiseko nezinto eziquka ulwaphulomthetho, intlupheko, ubundlobongela obusekelwe kwisini, iindleko eziphakamileyo zokuphila, nentswela-ngqesho zezinye zezizathu ezibangela ukuba yehle inkxaso yabantu kwiANC ngexesha lonyulo kule minyaka idlulileyo, ingakumbi ngo2024.

Amasebe abuthathaka

“Esinye sezizathu ezibangele ukuba singaluphumeleli ulonyulo kukuba amasebe ethu ebebuthathaka, awasebenzi ngendlela ebemele ukuba asebenza ngayo. Yiyo loo nto singaluphumelelanga unyulo.

“Amasebe eANC akhokelele ekubeni umbutho uphulukane namandla okulawula uwodwa,” utshilo.

I’ANC ayizange iphumelele kunyulo lonyaka ophelileyo nalapho iivoti zehla zaya kutsho ku40% kuzwelonke. Yayikokokuqala lo mbutho ungaluphumeleli ulonyulo ukusukela kolawulo lwentando yesininzi.

Ethetha nabalandeli namalungu angaphaya kwama22000 ebaleni, uRamaphosa uvumile ukuba ukungaphumeleli kolunyulo yingxaki enkulu kodwa wathi baza kubuya ngamandla.

Uxelele abantu baseKhayelitsha ukuba ngaphandle kwempendulo esebenzayo, ingxaki efana nale ingamisa okanye iphazamise inkqubela yenguqu kwezentlalo noqoqosho.

“Izizathu zokuhla kweevoti zolonyulo ziquka imeko yezoqoqosho ebonakala kwingxaki yentswela-ngqesho kunye nokungalingani kwezentlalo, iinkonzo ezisisiseko ezingekho mgangathweni kunye nokusilela kolawulo olusebenzayo nolukhawulezayo kunye nobuthathaka bombutho weANC kunye nokonakala kwegama layo,” utshilo.

Uthe imiceli mngeni yabantu yemihla ngemihla iza kutshintsha nanjengoko sele beqalisile ukucwangcisa iindlela zokuphelisa iimeko ezimaxongo ekuhlaleni.

URamaphosa ukutsho oku phambi kokuba kuchithwe iikomiti ezilawulayo zamaphondo aseGauteng naseKZN okungenzeka ngenxa yokungaphumeleli konyulo. I’ANC ibasole ngokungaphumeleli.

UNobhala Jikelele weANC uFikile Mbalula uthe la maphondo mabini azakwazi ukuba ayachithwa okanye awachithwa kulo nyaka uzayo, emva komhla we8 kweyoMqungu.

Kodwa la maphondo mabini ayazilwela.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.