URamaphosa uzakuxhelelwa inkomo eQunu

USihlalo weANC ephondweni uOscar Mabuyane, uNobhala kazwelonke u-Ace Magashule kwakunye noMandla Mandela

Xa uMongameli weANC uCyril Ramaphosa esiya eQunu kule nyanga izayo, uzakuxhelelwa inkabi yenkomo ukuhlamba izandla xa esuka kubona ingcwaba likaNelson Mandela.

Oku kuqinisekiswe ngumzukulwana kaMandela uNkosi Mandla Mandela ngethuba ethetha noonondaba eQunu ngoLwesine, emva kokuba esi sigqeba sityelele usapho lakwaMandela.

Kolu tyelelo bekulindeleke ukuba uRamaphosa nezinye iinkokeli zeANC baye kwingcwaba likaMandela, kodwa akukhange kubenjalo nanjengoko uMandla evakalise ukuba usapho alukadibani malunga noku.

UMandla uthi usapho luqutyulwe malunga nolu tyelelo, watsho esithi umba wokuya engcwabeni uzakuhlelelwa umhla weshumi elinanye kweyoMdumba, umhla ongqamana ngqo nesikhumbuzo somhla wokukhutshwa kukaMandela entolongweni.

“Xa besiza kwakhona, siza kubathatha siye nabo engcwabeni emva koko bahlambe izandla ngokuthi sibaxhelele inkomo,” utshilo uMandla.