Urhanela ubuhlanga osokoliswa kwishishini

Cumakala-10 March 2020- uDingani Fubu waseCumakala notyola abalungu ngokutyixa amasango wendlela engena kwihlathi asebenza kulo - Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UDINGANI John Fubu weAzasakhe Enterprise eCumakala ubhenele emagqwetheni emva kokusokoliswa kwiprojekthi yokwenza imveliso yemithi kwihlathi likamasipala waseAmahlathi.

UFubu uqale ukusebenza kweli hlathi, nelikumganyana ukusuka eCumakala, ngonyaka ka2016. Wathi wakubona ukuba lithuba eli wazithengela oomatshini bokuchwela umthi ngemali engange-R55 000 ze waqokelela ulutsha bafumana uqeqesho lokusebenzisa lo matshini.

Baqeqeshwa emva koko baqalisa umsebenzi nanjengoko imvume yokusebenza babeyinikiwe ngumasipala waseAmahlathi.

Kodwa uFubu ubanga ngelithi kuvele kwavela “umona” kwigosa elithile likamsipala waseAmahlathi, ogama linguLouis, nabanga ngelithi likwenze kwayintlekisa kooFacebook ukusebenza kukaFubu kweli hlathi limtyhola ngokutyeshela imithetho yezendalo.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uFubu uthe: “Ndiqale kweli hlathi ngo2016, ndingenamitshini yokwenza iplanga ngelo xesha. Ndafumana umlungu (waseTarkastad) onomatshini wokuchwela, ndamcela ukuba makazobona le nto ndiyenzayo. Emva kokufumana lo matshini sasebenza naye lo mlungu.”

Kweli hlathi uFubu uthi benza imveliso zeplanga ezifana neBendricks, Purlines neeRafters. Imveliso uyithumela kwiivenkile eziseCumakala, Qoboqobo, kuKomani naseQumrha. Umatshini uthi wawethenga ngeR55 000

“Ndabona ukuba mandizithengele umatshini wam, ndafumana umlungu waseTarkastad ukuba makazosiqeqesha kwindlela yokusebenza umatshini. Kulo nyaka uphelileyo bendiqeshe abantu abangamashumi amabini anesine.

“Kuthe xa kubonaka ukuba siyasebenza apha, kwathi gqi umlungu (uLouis) endingamaziyo esithi le ndawo sisebenza kuyo uyayivala. Ndambuza ukuba uyivala xa engubani yena, wathi akazundiphendula. Ndathi unotshe andizuvala makayobiza amapolisa.

“Into ayithethayo lo mlungu uthi andinazo izixhobo zokhuselo xa kunokuvutha umlilo. Ndamxelela ukuba ndingayenza lo nto yothenga ezi zixhobo. Ngenene ndayozithenga ezo zinto. Uphinde wabuya sele ehamba nabanye abelungu, engathethi nathi. Wavala indlela abantu abasebenza,” kutsho uFubu.

Uthi into elandeleyo kukuba uLouis atshixe ihlathi, “efuna singakwazi ukungena”. “Ndayobika kwamasipala. Siye sayihlala indibano nomasipala ekhona lo mlungu (Louis). Umasipala uyibeke yacaca eyokuba wonke umntu kufuneka exhamle kweli hlathi, watsho esithi makuvulwe ihlathi. Lo mlungu akayenzanga lo nto,” kutsho uFubu.

Ephendula, uLouis uthe: “Lo ngumbandela odibene nokhuseleko nemililo. Ukuba uMnu. Fubu ufuna ihlathi, makathobele imithetho ebekiweyo. UMnu, Fubu uxelelwe ukuba makathobele imithetho yokhuseleko ehlathini, nto leyo angayenzanga. UMnu. Fubu akanazo izixhobo zokukhusela umlilo.”

“Into emandiyicacise kukuba umyalelo wokuba uMnu. Fubu makathi xha ngokusebenza usuke kwibambela manejala likasimasipala hayi kum.

UMnu. Fubu kufuneka athethe nebambela manejala likamasipala, hayi nam,” utshilo uLouis.

Kule veki ihlathi liye lavulwa kwaye uFubu uyasebenza njengesiqhelo noxa nje ukusebenza kwakhe kuza kuma ngenxa yentsholongwane yesifo seKhorona.