Urhaxwe ngumsi obezojela wabhubha!

Libhubhele endlini yalo igatyana laseKariega kufutshane neGqeberha emva kokuba lithe larhaxwa ngumsi lizojela inyama.

Ingxelo ephuma emapoliseni ala mmandla ithi lo mfana ebesoja inyama neetshomi zakhe phandle kowabo ngoMvulo ebusuku. Iqhuba ithi ukumka kwazo iitshomi uye wathatha umlilo lowo wawufaka ngaphakathi kuba efuna kufudumale indlu kuba bekubanda.

Ixhoba libhaqwe zitshomi zalo sele libhubhile xa beziyokumkroba ngoLwesibini.

UKapteni Andre Beetge uthi kukrokreleka ukuba urhaxwe ngumsi kuba akanamanxeba, kwaye ubhaqwe esesebhedini yakhe.

Kuvulwe uphando ngesi siganeko ngamapolisa.

Uluntu luyabongozwa kwaye lulunyukiswa ekubeni luqaphele ingakumbi ngeli xesha lasebusika.