Urhulumente makancedise amahashe asezilalini

Inene ixesha neentsuku zihamba ngokukhawuleza, besiqala iveki ngoku kodwa sele iphelile iveki.

UMgqibelo wale mpelaveki lusuku lukaMadiba elathi labekelwa bucala ukuze senze okulungileyo – siyathemba abantu bayakulisabela elokhwelo.

Kodwa kweli ixesha abantu kufuneka bakhangele ezinye izinto ezinokuthi ziphucule iimpilo zabantu abahamba nzima, bayeke le nto yokuchola amaphepha bahlambe namadonga. Kungangcono ukuba abo sele bephumelele bangasebenzisa eli thuba batshintshe iimpilo zabantu ingakumbi kwezemidlalo.

Abantu bayafuna ufundiswa ngendima ebalulekileyo edlalwa yimidlalo elizweni nje ngokubanzi. Imidlalo iyazakha izimilo, imvuze umntu iphinde imqaqambise.

Ngalo uLwesihlanu sicela ukwazisa abathanda ukubheja amahashe ukuba bayalungiselelwa rhoqo ngoLwezihlanu apha kweliphepha-ndaba labantu.

I-The Racegoer inika abantu imidyarho yempelaveki abanokuthi bafumane ithuba lokuzenzela imali baphinde babukele namahashe abawathandayo.

Siyacela ke ukuba niyisebenzise i-The Racegoer futhi ningonqeni ukuthi nifuna ngaphezulu ukuba enikufunayo ngamahashe adla imali. Kanti akuphelelanga apho, sileliphepha labantu sineenyanga ezintathu ngoku sipapasha kweli phondo lethu yonke imihla.

Enye yezinto esiyibhaqileyo kukuba amahashe ayathandwa ezilalini kwaye abantu banemidlalo abayiququzelelayo ngeempelaveki zonke.

Yinto leyo urhulumente wephondo ekufuneka ayixhase kuba ingaliphakamisa eli phondo.

Kwiindawo esizityeleleyo kwiilali zaseNgcobo naseMthatha – into esifumeneyo kukuba abanazo iindawo zokubalekisa amahashe abo, kwezinye iindawo kubalekiswa phakathi ezilalini – lo nto yenza kungabikho lukhuseleko ncam.

Ngapha koko amahashe ezilalini axhaswa ukodlula amaqela amaninzi ebhola ekhatywayo adlala kwiPremier Soccer League.